Vela Bahleke

Andazi yintoni le inyanzela ukuba abantu basixokise babe phofu bexokisa bona. Uyakuze umve umntu esithi uyasebenza xa ephakathi kootshomi bakhe abe phofu ewukhangela nasenkunkumeni loo msebenzi.

Kutheni angathi makancedwe afumane umsebenzi, nam andazi. Ndibuye ndixakwe nayile yokuba umntu aze kusixelela ukuba yena nomntu wakhe basebenzisa idyasi yomkhwenyana ngako oko akasoze akhulelwe.

Kuya kuthi mhla akhulelweyo, uqale umbone empatsha-mpatsha efuna ukuqonda ukuba ukhulelwe nyani na lo mntu wakhe, kanti ixhala lakho yintoni uzazi ukuba ubusebenzisa idyasi yomkhwenyana.

Ndifane ndibathethelele torhwana ndithi mhlawumbi umntu wothuswa kukuba ebecinga ukuba uyedwa kanti kukho impukwana eman’ukuza kurholosha umbona ezingxoweni. Bubomi ke phofu nobo kwaye ayikho into esingayenza ngaloo nto.

Omnye uva kusithiwa isithandwa sakhe sibhubhile, into yokuqala afuna ukuyiqonda kukuba sibulewe yintoni, kuthi kwakuthiwa yimoto umbone unkabi ephefumla inkululeko yangaphakathi.

Makuthiwe besigula eso sithandwa sakhe uyakujikeleza ehamba ebuza ukuba besigula yintoni, kanti ixhala lakho yintoni uzazi ubusebenzisa idyasi yomkhwenyana nje, okanye ubuqhatha thina, phofu ucinga ukuba uqhatha thina kanti uyaziqhatha kuba ekugqibeleni ungcungcutheka wedwa.

Andiyazi nyani ukuba bubuxoki obutheni obu bendeleyo apha ebantwini le nto kucaca ukuba sakude seyele ematyaleni singaveli nangonwele kuba nathi sifuna kuthiwe, “SIYASIKELELA” – sikelela ntoni abantwana bakho nomfazi wakho belambile nje emva ekhaya, wena uxakekile uqhunyiselwa ngumsi wojela umntu ongamaziyo?