Vela Bahleke

Xa siyivala le nyanga yothando masikhumbuleni ukuba sivala nje inyanga hayi iintliziyo zethu. Masiqhubekeni sihambisa uthando.

Xa ndithi masiqhubekeni sihambisa uthando, andithi masihambeni sicela uthando okanye sivuma uthando oluza kuthi kuba ngaloo ndlela sakube sisaphula iintliziyo zabo basithanda ngeentliziyo zabo zonke, abangazenzisiyo eluthandweni lwabo kuthi.

Uyayazi ukuba kuyingozi ukunika umntu uthando lwakho lunjengokuba lunjalo kanti yena olwakhe uhamba enikisa ngalo apha esithubeni kubantu phofu abangamhoyanga nokumhoya, qha befuna loo nto bayifunayo nje kuphela bakugqiba bamshiye apho bemshiyela lowo uzijulileyo ngentliziyo yakhe yonke.

Uyabona ke amaxesha amaninzi olo thando ludla ngokuhamba nesiqhushumbisi esisebenza ngexesha, kwaye lithi lakufika elo xesha isiqhushumbisi siqhushumbe ebusweni bomntu kubekrakra neswekile le yembala.

Ngamanye amaxesha amandla ayaphela kulowo ufuna ukuziphindezela njengale ndoda, kwacaca ukuba iyahlekwa etywaleni ixelelwa ukuba lo mntu izigwagwisa ngaye uyaziwa ekuhlaleni.

Caba imtyile le nto umfo omkhulu, kwala ngenye imini waya emsebenzini wakhe exhobile, wafika waqokelela bonke abasebenzi wabavalela kwigunjana elincinci wathi “NDIVILE UKUBA APHA KUKHO LO MNTU UHAMBISANA NOMNTU WAM, APHA KUM NDIPHETHE UMPU ONEEMBUMBULU EZILISHUMI ELINESITHANDATHU, NGAKO OKO NDIFUNA LOO MNTU AVELE NGAWO LO MZUZU KUNGENJALO NDIDUBULA WONKE UMNTU OLAPHA” – lavakala ilizwi phaya ngasemva lisithi “ZINCINCI MHLEKAZI IIMBUMBULU OZE NAZO KUBA ABANTU ABANENTO YOKWENZA NALO MNTU UMXELAYO BANGAPHEZULU KWESHUMI ELINESITHANDATHU” – yavele yatyhafa indoda yakhetha ukuzibulala ngokwayo ifile ziintloni nodano kuba umntu wayo ibimthanda kwaye izimisele ukumxolela emntwini omnye.