Waziqalela ishishini ngemali yenkamnkam

INkulumbuso yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane kunye noNozukile Mathokazi apho bekubhiyozelwa khona uSuku lweAfrika

KWABANYE oomama basezilalini, ukufumana imali yenkamnkam kuthetha ukukhululeka kwiinzingo, kodwa akunjalo kwinkosikazi yaseKwelerha eMonti, uNozukile Mathokazi.

Ukufumana kwakhe inkamnkam kwiminyaka edlulileyo, uMathokazi waqonda ukuba elo lithuba lokuba aziqalele ishishini lokuziphilisa.

Le nkosikazi yaqala ishishini lokuhlohla iintsimbi zesiXhosa ezifana nezidanga needayimani. Ezi ntsimbi uzithenga ngemali yenkamnkam, ahlohle emva koko athengise.

“Ndiwuthanda ukufa lo msebenzi kuba ndakhulela kuwo. Apha ebudaleni ndiye ndaqinisekisa ukuba ndiyinika ingqwalasela le nto yokuhlohla iintsimbi. Ngemali yam yepeyi ndithenga iintsimbi ukuze ndihlohle ze emva koko ndithengise. Ngemali endiyifumene kulo msebenzi wam, ndiyakwazi ukuhlawulela umntwana wam osesikolweni,” utsho lo mama.

UMathokazi uhlohla izidanga, iintsimbi zasentloko (dayimani) kwanezo zasemqaleni. “Intsimbi yasentloko ibaluleke kakhulu, ihambelana nesidanga,” utshilo uMathokazi, esithi uyakubawela ukufumana inkxaso kurhulumente ukuze axandise iphulo lakhe.

Kwiveki ephelileyo, ngethuba iphondo leMpuma Koloni libhiyozela uSuku lweAfrika ngase-Eastern Beach eMonti, uMathokazi ubenenyhweba yokuba enye yeentsimbi zakhe ithengwe yiNkulumbuso uOscar Mabuyane.

“Ndivuya kakhulu ukubona iNkulumbuso ithenge kum. Lo nto ithetha ukuba mandiqhube ndingemi nomsebenzi wam,” utsho lo mama.

UMabuyane uthi uyithenge le ntsimbi ngeR150, emva kokufundiswa ngumam’ uMathokazi ukuba ithwalwa kanjani futhi inentsingiselo enjani.

“Bendifudula ndiyigabangxa le ntsimbi ndingayithwali ngendlela. Undifundisile lo mama ukuba le ntsimbi ihatyazwa ngabom,” utsho uMabuyane.

UMathokazi uthi ezona ntsimbi zithandwayo, nezithengwa umhla nezolo kuye, sisidanga sakwaXhosa kwanedayimani (intsimbi yasentloko).