Wonke umntu ufuna ukuba ngumongameli weli

Ugqatso lobunkokheli kumbutho olawulayo ngumcimbi omkhulu. Ubukhulu bawo ububona ngokugungqisa amadoda amakhulu kuba kaloku elowo nalowo ufuna ukuthandwa luninzi lwamalungu alo mbutho.

Ndiyafuna ukuthi kokokuqala emva kwexesha elide kugqatso lobunkokheli balo mbutho ukuba kubekho abagqatswa abaninzi ngolu hlobo.

Kude kwatsho umongameli ngokwakhe ukuba ingathi wonke umntu ngoku ufuna ukuba ngumongameli weANC, ndlela le inani labagqatswa ingathi lininzi ngalo.

Ngokomgaqo walo mbutho ayikabi lilo ixesha lokubhengezwa kwabagqatswa eli, kodwa ke sibona amacandelo athile alo mbutho ephuma izithuba esenza imipoposho ngokungafihlisiyo.

Mhlawumbi ekuhambeni kwexesha bakhona abagqatswa abazakwangezeleleka okanye bazikhwebule kolu luhlu.

Okwangoku abakhankanywayo kuluhlu lwabantu abajonge esi sihlalo nguNkosazana Dlamini-Zuma, Cyril Ramaphosa, Baleka Mbete, Zweli Mkize, Lindiwe Sisulu, Jeff Radebe, Gwede Mantashe, Matthews Phosa kunye noTito Mboweni.

Kubo bonke aba, mna ndifuna sikhe sigqale lo ungusekela mongameli sithetha nje, uMnumzana uCyril Ramaphosa.

Imvelaphi yezopolitiko nebango lalo kaRamaphosa kwimbali yeli lizwe ayithandabuzeki. Ukuba uyakhumbula yayinguye umseki wemanyano yabasebenzi basemgodini (National Union of Mineworkers – NUM). Wayekhona nakwiqumrhu elalilungiselela ukwamkela nokubuya kwamabanjwa ezopolitiko, kunye nabaselubhacweni. Eyona ndima akhunjulwa ngayo uRamaphosa yile yokuba wayeyinkokheli yabathunywa bombutho iANC mhla kwakungenwa kwiingxoko zokuphelisa ingcinezelo nokubunjwa koMzantsi Afrika omtsha.

Lo ka Ramaphosa waya wabeka phantsi kwezopolitiko emva kokuba ebethwe nguThabo Mbeki kugqatso lobunkokheli be-ANC ngo-1997, waye wayokuzibandakanya nezoshishino. Ezinye zezikhundla aye wazibamba sesokuba kwibhodi yolawulo lwase-Lonmin, nengumgodi wegolide. Sizakubuya siyincokole ke nale yakhe neLonmin.

Andiyazi nokuba ndim ndedwa na, kodwa mna xa ndijongile ingathi ezopolitiko zamshiya kudala uRamaphosa.

Naxa ethetha nabantu usuke uqonde into yokuba kuthetha ungxowa-nkulu nyani ngoku. Isuke yangathi ayinguye tu la Cyril Ramaphosa wayelitshantliziyo legqwetha elalilwela amalungelo abasebenzi. Yena wayidlala indima engathandabuzekiyo kwinkululeko nasekuqulunqweni komgaqo-siseko omtsha weli lizwe, kodwa ndiyarhana ukuba noko ixesha lakhe kwezopolitiko liphelile ngoku.

Ukuba uyammamela xa esenza iintetho akukho nto inesihlahla aza nayo. Kusuke kube ngathi ufuna ukuthandwa macala, nto leyo eyenza ukuba singayazi ukuba ithini kanye kanye inyaniso yakhe.

Ndim ndedwa na ocinga ukuba kungakuhle ukuba sifumane iinkokheli ezisentsha nezisenamandla okuthatha izigqibo eziza kutshintsha iimeko zamahlwempu eli lizwe? Ingathi uRamaphosa uhluthi kakhulu akasazazi iinzima neenzingo zabo basezantsi emgxobhozweni.

Elam lithi kungakuhle ukuba ixhego eli lingajongana nezoshishino, mhlawumbi enziwe nokuba sisigidimi (ambassador) soMzantsi Afrika kumanye amazwe.

Umzekelo wokuba urheme lo akasafani nakuqala ngulo ubuhlungu waseMarikana, apho wanikezela khona isikhululo kumapolisa ukuba mawayihlangabeze ngokwabo imeko yolwaqhankqalazo.

U-Cyril Ramaphosa wakudala owayelwela amalungelo abasebenzi basemgodini wayengasoze akhuphe umlomo onjalo.

Nanje ngomntu osuka kude nomzabalazo wabasebenzi kwakumele ukuba noko indlebe yakhe ayikudanga ekumameleni izikhalo zabasebenzi bakwa-Lonmin pha eMarikana. Masidlule apho.

Buphuthuphuthu ngoku siva ukuba uRamaphosa ufuna ukucela uxolo ngokwehla eMarikana. Siyayazi ke ukuba yonke le nto uyenza kuba encwase esasihlalo sobumongameli, ayikho enye into. Sizakumthemba njani ke ngoku umntu onjalo, owenza izinto kuba ejonge inzuzo?

Sizakuthemba bani? Kuse kude engqinibeni, ndiyakuxelela.