Yakha ngoboya benye!

Uninzi lwethu lulisebenzisa lugqitha eli qhalo, kunjalo nje lungamiliseli ngqondo kulo ukuqaphela ubuzaza besenzo esinjalo. Abantu banobungcali nobunzululwazi ngezinto eziyindalo neziyingqongileyo.

Ilizwe lifile kubantu esingabo ngaphandle kwendalo: izilwanyana, uhlaza, umhlaba, amanzi, iintaka, izinambuzane nezirhubuluzi, ndingasilibelanga isibhakabhaka nokukuso kwakunye nomoya.

Ubomi babo bemihla ngemihla bakhelwe phezu kwezi zinto. Ulwimi nenkcubeko (amasiko nezithethe) zixhomekeke endalweni, ndingayilibalanga nenkolo ngokusingise kumoya.

Njengokuba umntu enikwe ubukhosi kwindalo yonke, kodwa ubomi bakhe bulawulwa yiyo.

UMntu neNdalo benziwe bangamawele angenakwahlulwa. Kanye oku kwamawele, elivele mva linobunganga kunelivele kuqala ngeendlela ezininzi, nangona lingelidalanga.

Imbali isibonisa ukuba umntu uvele mva kunendalo, ukutsho oko kubekho indalo ngaphambi komntu. Kukangako umntu exhomekeke kangaka kwindalo, kungokuba ingumkhuluwa kuye. Yinxaxheba yenci ke ukuphanga imibengo yabakhuluwa!

Intaka ichola usiba lwenye iyokwakha indlwana yayo ngalo. Ukungabikho kosiba entakeni sukube luxhwithiwe, enokuba kungayiphi na indlela.

Akubi mnandi entakeni ukuxhwithwa kosiba lwayo, njengoko kunjalo emntwini xa axhwithwa unwele. Ukutsho oko le nto ingemnandanga ukwenzeka entakeni iluncedo kwakwenye intaka. Kanye ngoku izazi intaka ukuba iyazidinga iintsiba ukwakha indlwana yayo kwaye inazo kuyo, kodwa ayiyenzi into yokuxhwitha kwezayo, ifuna eziwa kwenye.

Kuba yintlungu ke kuleyo kuthi kuxwhitheke ezayo ukuba kuyokwakhiwa ngazo yenye, kube yinzuzo kuleyo izifumanayo. Ndaza ndakuva zwindini!

Uluntu olwabulawelwa iintsapho zalo eMarikana kwiminyaka emihlanu edlulileyo lwashiyeka lusentlungwini engummangaliso; ukubulawa kwabantu ngoluya hlobo bebulawa ngurhulumente! Ngewayetheni ke kambe?

Andazi nam, ndandingekho, kwaye nam andazi ukuba ngendandenzeni kwimeko endiyiva ibaliswa. Lisiko emfazweni ke kambe ukuba kubekho abasala enkundleni kwanokuba utyani luqusheke ezinyaweni zamabutho!

Intlungu yaseMarikana ijike yasisigqubu sokuzuza udumo lwabezopolitiko. Uluntu lululanyiselwe kokungelutho ngabezopolitiko, ukuba lukholelwe ukuba luyathandwa xa kumana kusiyiwa kulo kuyokungxolwa eqongeni kukhalazwa ngendlala nangentlungu olwasala lukuyo, ze abo benza loo ngxolo babuyele kumabhotwe abo bayokudla amakhekhe anencasa nezonka eziqatywe macala. Inzuzo yabezopolitiko ngentlungu yolu luntu ziivoti.

Uluntu luntlokothiswa ngobungqondi ukuba lugcwalise inkundla lusiya kumamela abantu behololonga intlungu yabo eqongeni bakugqiba babashiye besenjalo, bengashiyanga nendibilityi.

Ubani onovelwano ngentlungu yaseMarikana umele kukuhlangabezana nezidingo zeengxwelerha kwanabachaphezeleka kakubi kolwa dabi!

Le yokuma kwabantu eqongeni bekhalazela mntu wumbi abathi umele kukuhlangabezana nale meko, batsho kanye bona ngokwabo besethubeni lokuguqula izinto, kufana ncakasana nokungenzi nto.

Imali ekuququzelelwa ngayo le misitho neemali zokuhanjiswa nokuhlaliswa nokutyiswa kwaba ngxolayo babantu abahololonga eqongeni ngentlungu yabanye ikwazezi bezinokufakwa engxoweni yokunceda kule mbandezelo!

Imeko yowe-16 kweyeSilimela 1976 yahluke kakhulu kweyaseMarikana. Eyo we-1976 sele iyintanga yokukhunjulwa ukubhala nokugcina imbali ukuze ingaziphindi (nangona iziphinda nje), kuba phantse bonke abelo xesha sele babuya bema nangona isiva sokwenzakala kwabo sisabonakala nje.

Kodwa eyaseMarikana idinga ukuxhaswa kweentsapho ngawo lo mzuzu njengoko abachaphazelekayo bengekabi nacebo lakubeka nto etafileni nelokulungiselela ikamva labantwana labawa enkundleni.

Isentsha eyaseMarikana kwaye isafuna abesuli beenyembezi nemifinya. Yileyo ke into emele ukwenziwa ngabazibiza ngokuba bayakhathala abasethubeni lokwenjenjalo.

Kazi zayaphi na iintloni novelwano kwabezopolitiko? Ukuthi kuhleliwe nje bangoozungul’ ichele abaphila ngeenyembezi zabanye! Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba