Yashe: ‘Abantu bandixhasa, ngoku mandibaxhase’

WAYEZIDLULELA nje ze wabona umbono ochaza ibali lokuhleleleka kwisikolo iSakhikamva High KwaNompumelelo eMonti. Endaweni yokusonga izandla, uVusumzi Yashe obesakuba ngunozinti weBush Bucks, wacinga icebo ze wangqubanisa intloko nabantu bokunceda ukuthibaza imeko engamonwabisiyo.

Emva kokungqubanisa intloko, uYashe utyelele esi sikolo kwiveki ephelileyo beyokuphisa ngeephedzi (sanitary pads) eziliwaka.

“Lo mbono usuke ngethuba ndidlula apha kwesi sikolo. Ndibone isikolo sabantu abamnyama abangathathi ntweni, ndabona ukuba mandiphose esivivaneni. Ndiyokungqubanisa iintloko noChina Cingo waseTotal Garage eSouthernwood eMonti.

“Ngethuba ndandidlala ibhola nam ndandixhaswa ngabantu. Esi sipho lilinge lam lokubuyisela eluntwini inkxaso endiyifumene ngethuba ndisadlala ibhola,” utshilo uYashe weVY (Vusumzi Yashe) Legend Foundation.

UYashe, okhe wadlalela iZulu Royals, Bloemfontein Celtic, Santos neSilver Stars, uthi kukho imfuneko emandla yokuba abantwana abangamantombazana abahlelelekileyo bancediswe ngezinto ezifana neephedzi.

“Ezi phedzi sisiqalo nje, siza kuqhuba nokwenza umsebenzi wokuncedisana nabantwana abakwizikolo ezihlelelekileyo,” kutsho uYashe.

UVusumzi Yashe, China Cingo noBabalwa Mbuku bekunye nabantwana baseSakhikamva High UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

UCingo uthi into emenze umdla kukuba iinzame zokuvala umsantsa phakathi kwabahlelelekileyo nabo banethamsanqa lokuba nento, luxanduva laye nawuphi na umntu.

“Akudalanga siqalile noshishino lwethu phaya eTotal Garage, eSouthernwood eMonti. Siqale ngo2019. Uthe xa uVusumzi engqubanisa intloko kwakunye nam malunga nesi sikolo, ndabona ukuba mandenze oko ndinako. Kuyinxalenye nomgaqonkqubo wethu wokuncedisa kuphuhliso nasekuncedweni kwabo bahlelelekileyo.”

“Into endiyiqapheleyo kukuba esi sikolo sikwindawo egqamisa ukungalingani kwethu sisisizwe. Bahlala kwaNompumelelo kwindawo ehlelelekileyo, kodwa xa utsiba indlela yindawo yeengcungcu iBeacon Bay. Senzani malunga nalo nto?

“Kwixa elizayo siza kujonga ukuba asinakuphisa ngeekhompyutha. Ndiyayithanda le nto yenziwa nguVusumzi kuba ambalwa amagqala ebhola ekhatywayo ayenzayo le nto yenziwa nguye,” kutsho uCingo.

UBabalwa Mbuku weNtombam Sanitary Towels nobeyinxalenye nolu tyelelo lukaYashe, ekhuthaza amantombazana kuquka nabafana uthe ebomini bafanelwe kokungcono, watsho esithi iba yile nto uzibona uyiyo ebomini.

“Ukuba ufuna ukuba yindumasi eyenza okuhle okanye into enkulu uya kubayiyo. Futhi ke nokuba ufuna ukuba livukuvuku uzokuba lilo. Mna ndazazi ndisemncinci ukuba ndiza kuba yila nkosikazi ikwezoshishino eyaziwayo, kwaye ndilapha namhlanje lafezekiseka iphupho lam,” utshilo uMbuku.

Omnye wabafundi oyintombazana uSihle Bles, uthi ngenene iiphedzi ziyasokoleka ingangathi yinto engenamsebenzi kodwa iyasokoleka xa sele ifuneka.

“Siyabulela kuba abanye bethu banabazali abangathathi ntweni, baxhomekeka kwezi phedzi zihlala apha esikolweni. Kwaye bakhona nabakhe bafikelwe lixesha labo bengalindelanga phakathi eklasini, siyabulela.”

Inqununu uLucky Nyameko Macozoma uthi iSakhikamva inabafundi abangama-856, kwaye ubuninzi babo ngamantombazana. “Sibamba ngazibini, kuba lo mbono beze nawo usincedise kakhulu. Sinabantwana abangamantombazana apha abangathi ntweni, abaphuma ematyotyombeni. Ubuninzi babantwana kwesi sikolo ngamantombazana.”

Ezi phedzi zibekwe eofisini zenzele abo bazibhaqa besexesheni bengalindelanga, kwaye nongenazo umfundi ufanele unemvume yokuyocela eofisini.