Yhini na sizwe esimnyama!

Eli xesha lokuvalwa kweentshukumo elizweni, okanye iLockdown, lisenze sanika ingqwalasela nakwizinto ebesingazisel’ iso. Eli xesha libhence indlela esiyiyo, nebingasoze igqame ukodlula xa ibingekho iLockdown.

Abanye bethu bafunde ukunyamezela nokuxabisa izinto ezingundoqo. Abanye bethu bafunde ukuba ubani angakwazi ukuphila ngaphandle kootshomi, logama befunde ukuba xa ungumntu osela utywala okanye otshayayo, awunakuze ubhubhe xa zingekho phambi kwakho ezo zinto.

Sifunde lukhulu kwiLockdown, nkqu nokubaluleka kococeko. Sifunde ukubaluleka kokuhlalelana siziintsapho. Inene usapho lwakho yintsika yobomi bakho.

Njengoko siyazi ukuba utywala bebuvalwe into engaphaya kweenyanga ezimbini, sibonile ukuba inene utywala ngunozala weziganeko eziliqela ezenzekayo. Ukusuka kwiingozi zemoto, ukulimala nokubulawa kwabantu, uphango nezinye iziganeko eziphenjelelwe butywala – icace gca eyokuba xa bungekho utywala ziyancipha ezi ziganeko.

Ukuvalwa kweentshukumo elizweni kubangele ukuba abantu bayazi into abayoyenza edolophini futhi nexesha abaza kulichitha xa besenza oko.

Kodwa ukuvulelwa kwakhona kokuthengiswa kotywala, kuvelise enye into malunga nathi sizwe, ingakumbi esintsundu.

Masithathe umzekelo, ukubhubha kwabantu kwiingozi zemoto ezenzeke eMpuma Koloni ngexesha leentsuku zePasika yalo nyaka. Abantu ababhubhe kwiingozi ezenzeke ngexesha lePasika eMpuma Koloni basibhozo kuphela.

Kodwa xa uthelekisa oku kubhubha kwabantu kwiingozi zangePasika, ufumanisa ukuba eli nani lithe kratya kuna xa kuthelekiswa nabantu ababhubhe kwiingozi zemoto ngomhla wokuqala kweyeSilimela kulo nyaka, kwiphondo laseMpuma Koloni.

Umhla wokuqala ibulusuku lokuvulelwa kwakhona kokuthengiswa kotywala kwaye isebe lezoThutho noKhuseleko ephondweni lidize ukuba kubhubhe abantu abalishumi kwiingozi zemoto ezahlukeneyo kweli phondo. Inga umphefumlo wabo ungaphumla ngoxolo!

Kwezi zehlo zokubhubha kwabantu ezindleleni, asikayi kwabahlatyiweyo nabakhuthuziweyo. Mz’ontsundu masibuyise unyawo, utywala masibusele ngenkathalo, singabuvumeli ukuba busisele.