Yintoni imbangi yokuzixakekisa ngolawulo leMelika?

Ndithe ndisihla ndinyuka phakathi kwezakhiwo kwindawo endisebenzela kuyo isonka sabantwana bam, ndakhwankqiswa kukuthi matsha kwabantu ebendimana ukudibana nabo. Bambi kubo ndithi nangoku sendibabulisa, basabele sekukudala ndibabulisile.

NanjengamXhosa ongakwaziyo ukudlula emntwini ndingabulisanga ndabuza nempilo, nokuba umwethu lowo asimntu ungumXhosa, bendisithi ndisabuza loo mpilo, suka abanye bangandiphenduli, ndibe ndibona phofu ukuba iingqondo zabo ziyabhadula.

Bambi kubo bebendiphendula ngelithi, isikhundla sokongamela eMelika sithathwe nguDonald Trump, asazi ukuba ezi ziphumo ziya kuzala nkomoni na! Ubeve abanye bethethela phantsi, besithi, “Konakal’ ukuhlala, imfazwe yehlabathi yesithathu ayifikanga igalelekile!”

Ekuhambeni kwexesha ndifumanise ukuba amawethu, abemi boMzantsi Afrika bonke bayafana ngokothuka, ukumangaliswa nokuba nobuso obumatshekileyo, ukusuka kwindawo le yengqesho ndithetha ngayo, ukuya ezivenkileni endingene kuzo ndadla imbadu nabantu, ukuya kubamelwane kwenye yezithili zedolophu iKapa,

Ndibuzile nakweli ityeli, yaba kwayile nto inye yokuphumelela komntu ongathandwayo nongaxolisiyo, ngabula bona, kweso sikhundla sokulawula iMelika okanye isikhundla sokulawula iNdibano yeZizwe zaseMelika (USA ngamafutshane).

Ubungade ucinge mhlawumbi konyulwe umongameli omtsha woMzantsi Afrika bengalindelanga abantu, ingakumbi abo bakholwayo kukongamela nokuphatha kukabawo uGedleyihlekisa Zuma!

Ukugqibela kwam ukubona abemi boMzantsi Afrika bedakumbe ngolu hlobo, kumhla kwasuswa ubawo uThabo Mbeki kwisikhundla sokuba ngumongameli weli lizwe! Mhla ndabona ukudandatheka ebusweni boMbo nomXesibe wakowethu, kumhla kwabulawa ngokungenalusini amatsha-ntliziyo eUDF ngomnyaka ka-1985, oobawo uMatthew Goniwe; uFort Calata; uSparrow Mkonto noSicelo Mhlawuli, bebulawa zizigebenga zoontamo-lukhuni ababekhusela imithetho yengcinezelo yomntu ontsundu.

Mhla kwashukuma ilizwe, ilanga lema isizungu, lisalatha usizi emehlweni abantu bakowethu, kumhla amaqhawe ePEPCO 3, uqabane uQaqawuli Godolozi, uSipho Hashe noChampion Galela, nabo babulawa kabuhlungu ngoondlebe-zikhany`ilanga babacinezeli! Ayinakuze iphume engqondweni yam inkangeleko yomz`ontsundu mhla kwawa ubawo uOR Tambo, mhla kwawa ubawo uMarholi MaDiba Mandela, mhla kwagetyengwa kabuhlungu ikomanisi loMkhonto Wesizwe, uTshonyane, ubawo uChris Hani! Ndithe xa ndiqwalasela amawethu, ndakhumbula ezi mini ndizikhankanye ngentla apha.

Noko ke ngokunokwam ukucinga, kwakufanelekile kube lusizi, kwakufanelekile kukhangeleke ngathi ilanga litshone emini emaqanda, kuba kaloku bonke aba bantu ndibakhankanyayo, ngabantwana bomgquba, ngamathole amaduna angamaqhawe omzabalazo wenkululeko yomnt’ ontsundu, kumakhamandela engcinezelo.

Into efuna ukundixaka, ukundixakanisa engqondweni, ukundichukumisa kabuhlungu emphefumlweni, indenze ndibe nesiyezi nencilikithi kukuzikhathaza kangaka kwabemi boMzantsi Afrika ngomongameli waseMelika!

Umbuzo umile: Yintoni imbangi yokuba sizixakekise kangaka ngomntu othatha isikhundla sokuba ngumongameli waseMelika?

Anazi nto nina mawethu, makhe ndinityele iindaba ezi ziwoyikayo umbethe! Umhla nezolo kweli ziko lemfundo ndixelenga kulo, ndifikelwa ziinjingalwazi nabafundi bazo abasuka kumazwe ngamazwe, beze kufunda kulo ngantweni undim ngobuntu bethu, ngelizwe lethu, nangenkcubeko yethu thina maXhosa.

Ngubani phofu owayesazi ukuba ngokufunda banzi nangokuthanda isiXhosa, ndingaphela ndifuthelana nabemi bamazwe ngamazwe, ndide ndimenywe ndiye kuloo mazwe abo, phofu ndingakhuphaka nemdaka isenti kweyam ingxowa?

Niyayazi phofu xa ndincokola nezi ndwendwe zala mazwe, ndiye ndifumanise ukuba ilizwe eli lethu abanye babo abalikhathalelanga kuya phi, kangangokuba bade bathi ukuza kwabo bebecinga baza kufika kwilizwe elingenazo neendlela nazakhiwo zala maxesha.

Beza benomfanekiso-ngqondweni welizwe ekuhla kunyuka kulo izilwanyana zasendle, nelinabantu abahlala phakathi kwamahlathi nasemiqolombeni. Ndithi sele ndibabuza ngomongameli welizwe eli lethu, ufike besenza amaqashiso, kodwa thina side silale sizihlupha ngomgqatswa kwisikhundla sokongamela kwilizwe labo! Bangaphi kuthi abazibandakanyayo kukhetho lwabagqatswa abaza kongamela kumanye amazwe ezwekazi lethu iAfrika?

Ngaphandle kokudamba kweemfazwe ezikude kuthi, ukuphatha kukaBarack Obama, kuyincede ngantoni iAfrika?

Ukuphatha kukaHillary Clinton, bekuza kuyinceda ngantoni iAfrika? Ukuphatha okanye ukungaphathi kukaDonald Trump, kuza kuyinceda ngantoni iAfrika? Khanincede nina baziyo nindityebisele!