Yityhefu i-TV ebantwaneni!

NgoMvulo umhla wesine kule nyanga yoMnga, kwiintsuku nje ezimbini phambi kokuba abantwana bavale izikolo, amagosa eSebe lezeMfundo esisiSeko, kuquka nalawo ebhodi eqwalasela umgangatho wemfundo nohlolo, uMalusi, akhuphe iziphumo zophando ezikhwinisayo malunga nesakhono sokukwazi ukufunda kwabantwana bethu.

Ezi ziphumo zivele emva kophando olude obelusenziwa kubo bonke abafundi beBakala lesine (Grade 4), apho bekuqwalaselwa indlela abafunda ngayo, kuquka nesakhono sokufunda kwabo ngokukhululekileyo nangengqiqo.

Emva kolo phando, iziphumo zivele zisithi abantwana bethu abakwiBakala lesine kuMzantsi Afrika uphela, abakwazi tu kwaphela ukufunda ngengqiqo.

Aba bantwana bethu bangakwaziyo ukufunda ngabo bakwisithuba seminyaka eli-10 ukuya kweli-12 nabasele bechithe iminyaka emine yonke besesikolweni.

Ngaphambili, kweli sebe lethu leziko lemfundo enomsila iCPUT, sibambisene noNjingalwazi Russell Kaschula kula yunivesithi yaseRhodes iseRhini, ukususela kumnyaka ka-2015 ukuza kuma apha ku-2017, kuphando ebesilwenza ngeenjongo zokufumana isizeka-bani sokungaqhubi kakuhle kwabafundi beMatriki (uGreyidi 12) kuviwo lwabo loncwadi lwesiXhosa, sifumanise ukuba uninzi lwabantwana abakwiMatriki abakwazi kufunda kakuhle ncam, ngoku sele bechithe iminyaka eli-12 yonke besesikolweni.

Olu phando nalo lukwaveze iziphumo ezithi nangoku abanye babantwana bethu sele bekwiBakala le-11 nele-12, bafumana ubunzima mpela ekufundeni ngengqiqo.

Uthi utitshala akubuza imibuzo ngoko bakufundayo okanye bagqiba kukufunda abafundi, njengesicatshulwa soncwadi, esephepha-ndaba okanye esikalindixesha, basuke bathi cwaka kube nzima ukuphendula.

Kwakolo phando kuvele ukuba abafundi abakwazi kufunda ngokuqhabalaka kwaye ixesha elininzi bafunda beleqa ukugqiba oko bakufundayo, bekwenza oku bengakhe bazibuze mibuzo ngoko bakufundayo, bengazakheli nomfanekiso-ngqondweni ngoko bakufundayo, kwaye bengaziphi nethuba lokukuhlahlela baze bakuhlalutye oko bakufundayo.

Kulula ke kuninzi lwabantu nakubazali ngokubanzi ukugxeka kunyenjwe izikolo okanye ootitshala ngokusilela kwezakhono zokufunda kubantwana bethu.

Yimpazamo enkulu ke leyo kuba iititshala zethu kwizifundo zazo zenza konke okusemandleni zizama ukukhuthaza uthando lokufunda ebantwaneni, zibakrobise kwiindlela zokufunda ngengqiqo nangokuchanekileyo, kwaye kwelo xesha lesifundo lincinci ezilisebenzisayo, zibakhuthaze abantwana bethu ukuba bakuxabise kwaye bakuthande ukufunda.

Nantsi ke imibuzo mawethu nani bazali babantwana? Ingaba bangaphi kubazali bale mihla abathengela iintsana zabo iincwadi zokufunda emakhaya?

Ingaba bangaphi abazali bale mihla abachitha ixesha nabantwana babo bebafundela iincwadi, befunda kunye nabo kangangokuba bade bakuxoxe baze bakushwankathele kunye oko bakufundayo?

Xa nithelekisa bazali, lingakanani ixesha elichithwa ngabantwana benu bebukele ityhefu yombulalazwe engumabonakude, kwelo balichitha befunda iindidi ngeendidi zeencwadi?

Lingakanani ixesha elichithwa ngabantwana bethu kucofwa-cofwa iifowuni xa kuthelekiswa nexesha lokufunda kwabo uncwadi lwesikolo; iincwadi abazithengelweyo okanye ezikumathala eencwadi kwiindawo esihlala kuzo, kwanoolindixesha namaphepha-ndaba?

Kwiimpendulo zale mibuzo, uya kufumana iimpendulo ezimangalisayo. Uya kumangaliswa kukuba abantwana kwasemakhaya apho isiseko semfundo eyimpumelelo sikhoyo, babukela i-TV ngaphezu kokuba befunda, badlala ngeeselulafowuni ngaphezu kokuba befunda kwaye abanalo nexesha lokukhe baye kumathala eencwadi baboleke iincwadi bafunde ngokubanzi.

Xa uthelekisa umgangatho wokufunda kwabantwana banamhlanje nalowo sasifunda kuwo thina sisengabantwana, ungaphawula ukuba umahluko mkhulu kakhulu.

Thina sisekwiBakala lesine (Std 2 ngelo xesha) ukuya kuma kwiBakala le-12 (Std 10 welo xesha), sasifunda ngengqiqo, ngokukhululekileyo nangokuchebeleza.

Kutshintshe ntoni ukuze sizibone sesikule meko? Inye mawethu, ingxaki iqalwe sithi, ingxaki ize nokutshintsha kwamaxesha, ingxaki ize nobugcisa bale mihla obufana neeselulafowuni ne-tv.

Ngaphezu kwazo zonke, ingxaki yokuphanza kwendlela abafunda ngayo abantwana bethu iqale mhla amabali kanomathotholo abethwa ngoyaba, suka iintsapho zakholosa ngokuhlala phambi koomabonakude imini nobusuku.

Ingxaki iqale mhla iintsomi zoomakhulu, zoomama, zootata, oomalume, oomakazi noodadobawo zalahlelwa kude, endaweni yazo sathengela iintsana zethu iifowuni ukuze zihlale imini nobusuku kuFacebook; kuWhatsapp; kuMxit, kungenjalo kudlalwe imidlalwana ekwezi fowuni, kubukelwe nomabonakude imini yonke.

Kumabali kanomathotholo nakwiintsomi ezazibaliswa emakhaya, abantwana bebezuza isakhono sokwakha umfanekiso-ngqondweni woko bakumameleyo.

Esi sesinye sezixhobo eziphuhlisa isakhono sokufunda kakuhle nangengqiqo. Imifanekiso-ngqondweni efumaneka xa umntwana emamele ibali okanye intsomi, ikhuthaza ukuba umntwana oko afunda ngako akubone kuthe thaa engqondweni yakhe, atsho akwazi ukukufunda ngengqiqo, akuvisise aze akunambithe.

Linye bazali, mhla sanciphisa amaxesha achithwa ziintsana zethu phambi kwe-tv nasekucofeni iifoni, zifunde ngokubanzi, nathi sizifundele iitekisi ezahlukileyo, sibalise amabali neentsomi, kumhla sancedisa iititshala kumsebenzi wazo wokukhuthaza nokuphuhlisa izakhono zokufunda ngengqiqo kubantwana bethu.