Yizenofobhiya okanye yindlala?

Ukusukela kwinyanga yeThupha, ukuya kweyoMsintsi ukuza kuma kule sikuyo yeDwarha, izehlo zokunukunezwa kwabemi bamanye amazwe aseAfrika nabo basePakistani, kwanokunyhashwa kwamalungelo abo okuba ngabaphambukeli kwizwe loMzantsi Afrika, kuye kwanda ngokumangalisayo.

Oku kuyamangalisa kuba kwenzeka ngeli thuba iinkokheli zeAfrika zizama konke okusemandleni ukumanya izwekazi leAfrika ekubeni libe lizwekazi elingohlulwa ngamida, koko ibe lizwekazi eliyimbumba, apho ummi osuka nakuliphi ilizwe apha eAfrika, eba nelungelo lokungena nakuliphi elinye ilizwe kwalapha eAfrika, engakhange abe ukhupha iimpephamvume okanye afumane amaxwebhu amnika igunya lokuhlala kwelo lizwe alikhethileyo.

Oku sele kuqhubeka kumazwe aseNtshona, ingakumbi xa uqwalasela kwiUSSR (Union of Soviet Socialist Republic), apho kuhlangene amazwe ali15 nantloko yawo yolawulo iseRashiya.

Kwelinye icala, kubekho iUSA (United States of America), nenamazwe angama52 aphantsi kolawulo lweMelika. Okokugqibela sifumana iGreat Britain neyachazwa nguNgxekengxeke Mqhayi njengeBhilitane eNkulu.

Le Bhilitane yona inamazwe amane aphantsi kolawulo olunye loMbuso wobuKumkani obunye. La mazwe yiNgilane; iSkotilane; iWales kunye neIreland.

Ngaphandle nje kobutyebi ngokoqoqosho, zone ezi mbumba zamazwe ezwekazi elinye zitshotshela phambili, kwaye nabemi bazo abayazi kwaye abazange bayibone intlupheko.

Yiya ke ngoku nakwezemidlalo, ingakumbi kukhuphiswano lweembaleki, uya kufumanisa ukuba ezi mbumba zamazwe zezona zihlala zikuluhlu oluphezulu ngokwempumelelo yeembasa zegolide, ezesilivere kwanezo zobhedu.

Kutheni thina singamazwe nezizwe zaseAfrika singenakho ukumanyana sibe lizwekazi elinye elingenamida. Iinkokheli zeli zwekazi ezazilumke kakhulu ezazifana nooNkrumah; Nyerere; Selassie; Sobukhwe; Thambo; Fanon; Lumumba; Biko; Mbeki nezinye, yayilelona phupha lazo elo. Latshabalala ke kuba amazwe aseYurophu, afika alahlulahlula eli zwekazi satsho saziintsalu.

Nangoku ke sisakhuthaza oko kwahlulwa kwethu kuba asikuthandi tu ukumanyana nokukhuthaza ukuba sizwesinye singama-Afrika. Umhla nezolo ma-Afrika amahle, oonondaba kwimijelo efana nonomathotholo, umabonakude, kumaphephandaba nakoolindithuba, kuchazwa banzi ngenkohlakalo ejolise kubemi bamanye amazwe abangabaphambukeli kweli loMzantsi Afrika. Nangona bekho nabemi bezinye izizwe ezingekho kwizwekazi leAfrika njengePakistani, abona bantu baxhatshazwa kakhulu kwimeko yale zinofobhiya ngabo bangama-Afrika.

Okokuqala oku kugxininisa ukungahloniphani kwethu singama-Afrika. Kubethelela ukungafunani kwethu singama-Afrika, kangangokuba sikhethe ukuhlonipha nokuthanda ezinye izizwe ngaphezu kwezo zinegazi elifana nelethu. Igazi lom-Afrika kukhangeleka ingento inzima ukuliphalaza, phofu ke liphalazwa kwangomnye um-Afrika.

Xa ukhangela kwezi ngxelo zokuqweqwediswa kwabantu abasuka kumanye amazwe eAfrika, uva ngenkcazo enegama elithi zinofobhiya, kodwa eyona nto ixhaphake kakhulu kukubethwa nokubulawa kwabantu, ngaphezu kokuba bacelwe ngesihle bakhwelele kuloo ndawo bangafunwa kuyo xa ke lingekho elinye icebo lokuba abantu bafunde ukuhlalisana kakuhle.

Ngaphezu kokubethwa nokuxhatshazwa kwabantu, mna le zinofobhiya isuke yangathi inento ehamba nendlala phakathi.

Qho ndibona imifanekiso yale zinofobhiya kumabonakude nakwimijelo yosasazo eshicilelayo, kuvela abemi boMzantsi Afrika betshisa kwaye besonakalisa iindawo zamanye ama-Afrika. Nakunomathotholo uhlala usiva ukuba konakaliswe iivenkile namashishini abantu abangabaphambukeli kweli, nabasuka kumanye amazwe eAfrika.

Uye uthi xa ujongile, ubone umntwana, umntu osele ekhulile, kuquka namaxhego namaxhegokazi ahlasela abantakwethu noosisi bethu abasuka kumanye amazwe aseAfrika, beqhekeza kwiindawo zaba bantu, bakugqiba baphume bebaleka kuthi saa bephethe ukutya nezinye izinto ezithathwa ngendluzula kubaninizo.

Babonwa qho abo basebenzisa igama leZinofobhiya ngeenjongo zokuqhekeza bephuma kwiivenkile zamaSomaliya namaPakistani bethe qhiwu izonka; iiswekile; ipakethe zemingqusho nezemigubo, iziqhamo; izimuncu-muncu nezinye izinto, bengakhange babagxothe abo bathi ababafuni.

Ethubeni uye ufumanise ukuba emva kolo qhekezo, bayaphinda bavunyelwe babuyele eluntwini kwa aba bantu bekusithiwa abafunwa.

Xa kunjalo ke, ndicela impendulo kuni zidwesha zakuthi, ingaba ngenene oku kuxhatshazwa kwama-Afrika yile zinofobhiya kuthethwa ngayo okanye baxhatshazwa ngenxa yendlala?