‘Yohlukanani nokutshisa xa niqhankqalaza’

Inkulumbuso yeli phondo uPhumulo Masualle, ubongoze abantu bephondo leMpuma Koloni ukuba bohlukane nokonakalisa izinto ezikhoyo xa befuna ezo zingekhoyo.

Lo kaMasualle uthethe oku ngethuba esenza intetho ephambili kwimibhiyozo yomhla wenkululeko ibibanjelwe kwiYunivesithi yaseFort Hare izolo.

“Kutheni xa kufuneka kongezwe ootitshala esikolweni abantu betshisa isikolo, lo nto yenza ukuba kamva kungabikho sikolo kungabikho naloo titshala,” uthethe watsho.

Uthi umninzi umsebenzi owenziwe ngurhulumente wakhe kodwa abakukhanyeli ukuba zikhona iingxaki ezifuna ukuqwalaselwa ngokungxamisekileyo. ”Iminyaka engamashumi amabini anesibini enkululeko singathi lixesha elinganelanga xa ujonga impumelelo nomsebenzi owenziwe ngurhulumente wethu, kodwa kusafuneka senze ngaphezulu,” utsho uMasualle.

Le nkulumbuso isebenze nzima kwintetho yayo, izama ukubonisa abantu abebephuma kwiimbombo zone zeli phondo ukuba ngenene kusetyenziwe ngurhulumente olawulayo.

“Ngonyaka ka2011, besinabantu abakumashumi amathandathu anesixhenxe eepesenti abafumana umbane apha eMpuma Koloni, ngonyaka ka2015 sibe nabantu abakumashumi asibhozo eepesenti ekhulwini abafumana umbane, yinkululeko leyo kuba ngaphambili ubufunyanwa ngabantu abathile,” ucacise watsho uMasualle.

Ukusukela kwiveki ephelileyo, idolophu eziphambili zeli phondo eziquka iMonti kunye neQonce, zigagene noqhankqalazo lwabasebenzi bakwamasipala abebechitha inkunkuma ezitalatweni bevakalisa izikhalo zabo.

“Ezi zenzo zingcolisa ubuhle bomsebenzi owenziweyo kule minyaka ingamashumi amabini anesibini, asitsho ukuba abantu mabangakhalazi, kodwa masihloniphe ezi sele sinazo izinto,” uthethe watsho uMasualle.

Inkulumbuso ithi uninzi lwabantu beli babengalifumani kwa ithuba lokuvakalisa intlungu yabo ngaphambili, kodwa namhlanje abantu bayakwazi ukwenza oko.

“Ngaphambili bekulityala ukuba ubonwe uphethe iphetshana elinombhalo othi i-ANC, ubanjwe uvalelwe iminyaka ngenxa yoko, namhlanje siyakwazi ukwenza konke oko ngaphandle kwengxaki,” utshilo uMasualle.

Uqhwabele izandla imibutho yabafundi abathe baqhuba ulonyulo lwegqiza elilawulayo kula yunivesithi yaseFort Hare kwiveki ephelileyo.

“Sivuyisana nani nonke ngomsebenzi omhle eniwenzileyo ukusukela kumalungiselelo okonyula, ezi zezinye zeempawu ezibonakalisa ukuzinza kolawulo lwesininzi kweli lizwe,” utshilo uMasualle.

UMasualle uqhube le mibhiyozo ekhatshwa ngabaphathiswa abaquka uMandla Makupula wezemfundo, Pemmy Majodina wezemidlalo nenkcubeko, uMlibo Qoboshiyane wezolimo nophuhliso lwamaphandle kunye nosodolophu waseBuffalo City Municipality * -Alfred Mtsi.

Le mibhiyozo ingqamene nomhla elathi eli loMzantsi Afrika laqhuba uvoto ngawo – umhla wamashumi amabini anesixhenxe kwinyanga kaTshazimpuzi ngonyaka ka1994.