‘Ziimpimpi amapolisa’

Oomama besekethe yenkonzo yaseWesile, eTsholomnqa, beqhuba uqhankqalazo olujoliswe kwisikhululo samapolisa UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

‘Ziimpimpi amapolisa aseTsholomnqa’

“Siwaxelela izaphuli-mthetho, siwaxelele neendawo ezihlala kuyo, siwanike ulwazi ngolwaphulo-mthetho – wona asuke axelele abarhanelwa sizibone singakhuselekanga ngenxa yamapolisa.”

La ngamazwi kaMamela Wontoti ongusihlalo wamanina aseWesile kwisekethe yaseWesleville, eTsholomnqa, ngethuba beqhuba uqhankqalazo olujoliswe kwisikhululo samapolisa sala ndawo. Aba mama bomanyano baqhube olu qhankqalazo benxibe mnyama, besithi bakhalazela izinga eliphantsi lokubanjwa kwezaphuli-mthetho ezigqugqisa intlalo kula ndawo.

Ethetha neli phephandaba, uWontoti uthi baneziganeko zolwaphulo-mthetho ezenza ukuba bangonwabi ngenxa yokungabanjwa kwabatyholwa. “Kudlwengulwe uNosiphelo Milakha ophila nenkubazeko ngo-2015, wabanjwa umtyholwa amangqina ekhona, laqhuba ityala engabizwa amangqina, lasuka lavalwa ityala, kuthiwa uNosiphelo akakwazi kuthetha yilo nto livalwa ityala,” uthethe watsho uWontoti. Uthi bazive bengenakuhlala babukele ubomi babantwana namanina busesichengeni. “Apha eWesile sinoLwesine esivumelekileyo ukuba sinxibe mnyama senze okuthile ngolo suku, thina ke sigqibe kwelokuba siphakame silwe nezaphuli-mthetho ezibulala, zixhaphaze amanina nabantwana,” uthethe watsho okaWontoti.

Kanti isityholo sepolisa laseMonti esidubule inkosikazi kunye nomntwana eSanta sesinye kwezo zibangele ukuba la manina avakalise ukunganeliseki zezi ziganeko.”

Eli polisa alibanjwanga kodwa lidubule lenzakalisa umfazi nomntwana, sifuna ukwazi ukuba kutheni kunjalo, kutheni lingade libanjwe eli polisa,” uthethe watsho uWontoti. Igama lepolisa liyaziwa leli phephandaba.

La manina anyanzelisa ukuba kwenziwe inkqubo ezithintela ezi ntlekele kwiindawo zasekuhlaleni ukuze kuliwe ulwaphulo-mthetho.

“Abatyholwa kumele ukuba banganikwa bheyile ziinkundla zelizwe, de kuthiwe banetyala okanye abanatyala, siphila kabuhlungu ngenxa yeempazamo ezenziwa ngamapolisa nomthetho kweli lizwe,” utsho uWontoti. Bathi amaxhoba mawaphathwe ngendlela efanelekileyo nekhusela isidima sawo kwizaphuli- mthetho.

Othethe egameni lamapolisa aseMonti, uHazel Mqala, akaziphiki izityholo zokuba amapolisa ayagqithisa ngolwazi, kwaye oko kubeka esichengeni iimpilo zabahlali.”

Ubupolisa obu kwabanye lubizo, kwabanye yindlela yokwenza imali ukuba kutyiwe lusapho, akukho mthethweni ukugqithiswa kolwazi xa silunikwe ngabahlali, kumele ukuba sikhusele abahlali aba basinika ulwazi, zininzi izikhalazo ezithi amapolisa ayalugqithisa ulwazi,” uthethe watsho uMqala. Uthi abahlali banelungelo lokukhalaza xa bengakhuselwa ngamapolisa.