Ziinyanga zintlanu walahlekayo uSisipho

Umama * -Iodine nomyeni wakhe uMkhuseli Steyi eKhiwane eTsholomqa eMonti bebambe uxwebhu olunemifanekiso kaSisipho Steyi (osefotweni efakwe kwisangqa) olahlekileyoUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Usapho lakwaSteyi eKhiwane eTsholomnqa eMonti luthi lakubona imoto efika kulo mzi luthi xhungu kuba lucinga ukuba izokuxela iindaba ezimbi nanjengoko bengena kwinyanga yesithandathu yalahlekayo intombi yalo uSisipho Steyi (19).

USisipho wagqityelwa ukubonwa kowabo eTsholomnqa emva kosuku lweKrismesi kunyaka ophelileyo emva koko waya eMonti kwiintsuku zeziyunguma zokuphela konyaka.

Iingxelo zithi wagqityelwa ukubonwa ngootshomi bakhe kwa-N.U. 6 eMdantsane ngomhla wamashumi amabini anesithoba kwinyanga yoKwindla nyakenye esuka kwindawo yolonwabo.

Ngalo mhla wabhalela isihlobo sakhe esiseTsholomnqa, esithi bumdinile ubomi. Umyalezo owathunyelwa nguSisipho wawusithi: “Niyayazi ndiyanithanda ekhaya, kodwa ndidiniwe bubomi. Niziphathe kakuhle nindixolele, ndiyahamba mna.”

Emva kwalo myalezo zange iphinde ingene xa ifowunelwa ifowuni kaSisipho. Ukuba kwenzeka ntoni kuye, akukho bani waziwayo.

Into yokungafumaneki kukaSisipho iluphatha kakubi usapho lwakhe. Umakhulu kaSisipho * -Iodine Steyi uthe: “Sathi sakuxakwa emva kokuba kuqengqeleka iiveki engafumaneki uSisipho kwifowuni yakhe futhi kungekho mkhondo emapoliseni, saya kubantu besiNtu abavumisayo nabathandazeli. Igqirha esiye kulo, lithe usaphila uSisipho futhi uyakukhumbula apha ekhaya.”

“Oosiyazi baye basinika ithemba lokuba uSisispho uyaphila apho akhoyo. Baphinda bathi masibanike iintsuku bazakumbuyisa kodwa kube kunanamhla akakabuyi uSisispho,” utshilo * -Iodine ngethuba ethetha nephephandaba I’solezwe eTsholomnqa.

U-Iodine uthi ingqondo ikhe imane ingasebenzi, ingakumbi xa efunda okanye ebukele iindaba ezithetha ngokubulawa kwamantombazana.

Lo makhulu uthi nasezinzulwini zobusuku uyavuka atsalele ifowuni kaSisipho, kodwa nkqi ukukhala.

“Into engandiphilisiyo yile yokuba andiyazi ukuba kwenzeka ntoni kumzukulwana wam. Wakhangelwa ezibhedlele nakwiindawo zokugcina izidumbu, kodwa zange wabonwa. Amapolisa abuxhoma ubuso bakhe kwiindawo zikawonkewonke kodwa umkhondo awude uvele.”

Utamkhulu kaSisipho uMkhuseli Steyi uthi umnqa ekulahlekeni kukaSisipho yile yokuba engazange abonwe nakweyiphi indawo.