Zilungisele utshixo olungaphezu kolu!

Iingcali neengcaphephe zonyango ehlabathini zilwamkele utshixo lweentsuku ezingamashumi amabini ananye olwenziwe nguMongameli Cyril Ramaphosa kodwa zilumkisa ngelithi oku akwanelanga.

Ezi veki zintathu zikhangeleka zingumqobo omkhulu kwezoshishino kunye nempilo yabantu jikelele kodwa akulindelekanga ukuba ziveze isisombululo kwidabi elinxamnye nekhorona ebizwa Covid-19 koko lilinge lokudambisa ukunwenwa kwale ntsholongwane.

Kungenzeka ukuba uMongameli kufuneke onyuse iintsuku eziliqela kolu tshixo. Ngoko, zeningothuki je ngomhla we 16 ka Apreli xa uMongameli esenokupapasha eminye imiqathango engqongqo kuba elidabi lisese nyeleni.

Kufuneka sifake ingqwalasela sijonge amazwe akumgangatho ophezulu kunowethu ukuze sibone indlela lentsholongwane enobungozi ngayo, indlela ekhawuleza ngayo ukuthumela abantu kwantsongwanyawana, isantya eyosulela ngaso asikabonwa kwimbali yakutshanje.

Ukuthonyalaliswa kwendibano ezinkulu zabantu notshixo lweenkqubo nobomi ngokohlobo esiluqhelileyo kuko kodwa okwangoku ekubonakala kuluthomalalisa olwamvila lwalentsholongwane.

IWuhan eChina apho iqale yafunyanwa khona lentsholongwane ibekwinqubo yotshixo isithuba senyanga neeveki ezimbini. Ngethuba uMongameli edibana nabemi boMzantsi Afrika abalikhulu elineshumi elinesibini abasuswe eWuhan baze bagcinwa bodwa kwihotele eseLimpopo ukhuthaze ukuba bashumayele umyalezo wokuba abantu mabazivalela emakhayeni abo.

Amanani okosulelwa kwabantu ayagwencela umhla nezolo kwaye phantse isithathu eshumini samazwe agunyazise utshixo kwindawo zawo.

Kuqikelelwa ukuba eBritane utshixo luyakuqhuba de kube yinyanga ka Septemba kwaye uMongameli waseMerika uDonald Trump uxelelwe ezinkonqeni ngabacebisi bakhe ukuba liphupha ukucinga kuba ngeeholide ze Ista umcimbi wekhorona uyakuba uqoshelisiwe.

Ezi veki zintathu zotshixo eMzantsi Afrika, ngokwenene kukunyela nje amathe xa sijonga phambili sinokubona ukuba kukho amanye amanyathelo aqatha azakuthathwa ukuthomalalisa umthamo wokunwena kwalentsholongwane ze kunikwe oogqirha nabasebenzi bezempilo ithuba lokuba bakwazi ukujongana nentaphane yezigulana ezizakuthontelana ezibhedleleni zifuna uncedo nonyango olukhawulezileyo.

Le miqathango ikhangeleka ingqongqo injalo yenzelwe ukusindisa impilo yethu kweligongqongqo. Intsebenziswano mziwakowethu!!