Zintombi mlileleni uSawule!

Xa ndithi ligama elingene endaweni yelinye andithethi kuthi ligama elitsha, koko lithathe indawo yokusetyenziswa kwelo lithi nkazana. Ukutsho oko libe likho neli lithi ntombi, koko esetyenziswa ngokwahlukeneyo.

Asinguye wonke umntu olibhinqa obebizwa ngentombi, asinguye wonke umntu obhinqileyo ongendanga obebizwa ngokuba yintombi; asinguye wonke umntu obhinqileyo ongekazali obebizwa ngentombi.

Igama elithi “ntombi” alisingise nje kwibhinqa elingendanga okanye elingekazali okanye elingekavulwa sizalo yindoda, kuninzi okubizwa ngentombi.

Xa kusingiswe kumaxa angaphambili, bungekezi ububi ezweni, leyo mihla ibizwa ngobuntombi. Uve kusithiwa ilizwe laliseyintombi. Xa izulu lizole nasebukhweni bezinja, kungekho nelifu eliyabula esibhakabhakeni, kuthiwa izulu lizole liyintombi.

Umhlaba oyintsinda, ongekavunduzwa nangaluphi na uhlobo susela oko wabanguwo, leyo ndawo yomhlaba kuthiwa ngumhlaba oyintombi, isiNgesi side siwubize ngokuba yi-virgin soil.

Xa intlahlela ingekakhutshwa kulibo okanye kukwindla, okanye intsimi kungekakhiwa kwanto kuyo nangona sele ivuthiwe, olo libo okanye oko kwindla kuthiwa kuseyintombi.

Endulo phaya ke kwakusaya kwenziwa netheko elalibizwa ulibo okanye intlahlela, ukwindla kukhutshwe ubuntombi ukuze bulungele wonke ubani. Kungenjalo obudla lingekenziwa elo theko wayebudla ngokububa, kukho nezoyikiso eziziinkolelo malunga nokuya kwehlela oba ulibo okanye odla ukwindla lingekenziwa eli theko.

Kwekhu! Inene ilizwe laliseyintombi ngaloo mihla. Igama elithi “ntombi” lithetha “-nyulu”, okanye “-ngekachathwa”, okanye “-ngekachukunyiswa”, okanye “-ngekoniwa”, okanye “-ngekasetyenziswa”, njalo-njalo ke.

Xa kusithiwa into iyintombi kuthethwa ukuba ayinasibhidi, inyulu, icwengile, iseyonke; kuthethwa ukuba isenjengokwasendalweni yayo. Yonke ke into enjalo ibixatyiswa esizweni jikelele, iyinto yexabiso nebukwayo.

Lalingekho ixabiso elogqitha elobuntombi esiXhoseni. Encwadini yoBulumko, malunga nembali yakwaSirayeli, bucaciswa kakhulu ubuntombi nexabiso labo.

Bonke ubungcwele nobunyulu bubizwa ngentombi. Uve kuthethwa ngentombi uZiyoni – kusingiswe kubungcwele nobunyulu balapho akhoyo uQamata, uMvelinqangi, uMdali, uMenzi uPhezukwako konke, uYehova, uThixo, ekungekho nabunye ubungcwele nobunyulu obagqitha obo. Igama elithi ntombi lithetha ubunyulu basendalweni kaMdali.

Ngokwale ncwadi yoBulumko, mhla kwafa igorha lamagorha elalimiswe nguMdali laza labuya lakreqa, ekwakusithiwa nguSawule, kwathiwa iintombi mazilililele. Yathi intetha kaDavide makalilwe ziintombi ngenxa yokuba ebezinxiba iihombo zexabiso.

Ngokwenjenjalo ke kwakungathethwa ukuba wayengulewu, koko kwakuthethwa ukuba wayebuhombisa ubungcwele nobunyulu ngenxa yendlela awayebunikwe ngayo ubugorha nguMdali.

Xa kusithiwa makalilelwe ziintombi kwakuthethwa ukuba makalilelwe ngabangcwele nabanyulu kuba wayesaya kuba sisihombo sobungcwele nobunyulu, bunyulu obo wabuya wabuhlambela ke yena. Ngentetha emfutshane kwakusithiwa abangcwele mabalilele ukutshabhiswa kobungcwele nobunyulu, ngeendlela ezahlukeneyo.

Bendinokunaba ke ngale ndawo xa bendinomhlaba. Kumadini anyukayo ayesenziwa ngaloo mihla ngamaSirayeli kwakufuneka enziwe ngenkunzi entsha (engekagqugqisi) okanye ngethokazi elitsha (elingekavulwa sizalo yinkunzi).

Yonke into engumnikelo kwakufuneka ingabi nasiphako; ukuba lihobe kwakufuneka ulileqe ngeenyawo uze nalo ungalonzakalisanga ukuze likufeze ukuba lidini elingcwele.

Ukuba ngenene ke bunjengokuba ndibuchaza ubuntombi, iintombi eziziintombi mazikulilele ukugxagxiswa kobuntombi ngabangalaziyo ixabiso labo. Iintombi, gxebe, amankazana asele aphulukanayo nobuntombi mawalilele ubuntombi bawo ze amkele elona gama liwafaneleyo elithi “nkazana”.

Goba msenge iibhokhwe zikutye! Owenu kwisiXhosa, Nxuba.