Zithengiswa phi iitapile?

USithembele Joka waseMgqukhwebe eCacadu neetapile zakhe

Umfama owambethe iimpawu zempumelelo kumsebenzi wakhe wokulima nokufuya uSithembele Joka, waseMgqukhwebe eCacadu, ukhangela icebo lokuthengisa iitapile zakhe.

Lo mlimi ophum’ izandla, uvelise iitapile ezikudidi oluphezulu ngenxa yokuthanda ukulima nokufuya.

Iitapile zakhe zikhethwe zenziwa iindidi ezintathu ngokobukhulu bazo, zicocekile kwaye zinkulu.

“Eyona nto ndiyifuna ngamandla ngoku lulwazi lokuba zithengiswa phi iitapile, ndifuna imarike yokuthengisa iitapile zam,” kutsho uJoka.

Ixesha lokuphela konyaka lixesha lokonyuka kwamaxabiso eetapile kweli, enyuswa kukunqongophala kwazo.

“Ndizama ukuba zibeninzi iitapile, uluntu luzifumane ngaphandle kokuhamba imigama emide lichitha imali,” ucacisa atsho. Izolo ngoLwesithathu, umhla wesihlanu kule nyanga kunyuke ixabiso lamafutha, oku kubangela ukunyuka kwamaxabiso ezinto ezithengwayo ezifana neetapile.

“Ngaphandle kwezi tapile ndifuya iihagu ezikumgangatho ophezulu, ndizithengisa eMalmersbury kwelaseKapa kuba ndisuka khona, ndisebenze khona iminyaka eliqela,” utsho uJoka.

Lo mfama uthathe umhlaba obuzimele ungenabani wawujika wawenza ifama yakhe ngenxa yokudinga umhlaba wokusebenzela. “Ndaya kusibonda welali, ndacela lo mhlaba, ndasusa amatye, imithi nelapesi ebelikade lilapha, uyachuma kakhulu wona,” kucacisa uJoka.

Ngenxa yokudinga ulwazi noncedo, uJoka wenza yonke into esebenzisa imali yakhe, akukho ncedo luvela kurhulumente akhe walifumana kulo msebenzi. AbakwaPotatoe South Africa ngomnye wemibutho encedisa amafama asakhulayo afana noJoka ngokuwanika imbewu yeetapile nezinye iindlela zokulima iitapile. UNomvula Xaba wakwaPotatoe South Africa uthi uJoka makakhangele iimarike ezikufuphi ukuze athengise iitapile zakhe.

“Ukuba akanasivumelwano neenkampani ezinkulu ezifana noSimba okanye uM’Cain angaqalisa ukuthengisela abanye abahlali, okanye iimarike ezikufuphi kuye,” kutsho uXaba.

Ingxowa yeetapile zikaJoka ebunzima buyi20 kg yiR60 ngokushiyana komgangatho weetapile zakhe. “Bahlanu abantu abasuka apha ekuhlaleni abasebenza apha, ndiye ke ndibancazele ngeloo xesha,” kucacisa uJoka. Othethela iSebe lezoLimo nokuPhuhliswa kwamaPhandle eMpuma Koloni, uAyongezwa Lungisa, akaphendulanga kwimibuzo ekhangela uncedo olunokunikwa uJoka.