Ziyonyuka iziganeko zokubulawa kakubi kwamaxhewukazi

UNjengele wamapolisa kwiphondo leMpuma Koloni uLiziwe Ntshinga, uzikhalimela kabukhali izenzo zokubulawa kwabantu abangoomama abadala. 


Iintetha zakhe ziza emva kokuba kubulewe amaxhegwazana kabuhlungu amathathu kwiziganeko ezahlukeneyo eNgqeleni, eNgqamakhwe kwakunye nakuQumbu iqala nje lenyanga sikuyo.


Oku kuza emva kokuba kubulewe ixhewukazi elinamashumi amathandathu anesibini kwakunye nomzukulwana walo oneshumi elinesixhenxe ubudala, bebulawa kabuhlungu kwikhaya labo eBuhlungwana kuQumbu ngoLwesithathu ezinzulwini zobusuku besalele, nalapho bebulawa ngamadoda angaziwayo.

 

Esesibini isiganeko senzeke kwilali yaseMchotho eNgqeleni, apho ixhewukazi elinamashumi amathandathu ananye kwakunye nentombi yalo enamashumi amabini anesibhozo ubudala bebebukele umabonakude. Intombi yexhoba idutyulwe ngethuba iyokukroba xa ibisiva isithonga sembumbulu ngakwigumbi lokulala likanina ze nayo yachanwa yimbumbulu ibidlula isiya kunina, ze iwele lentombi lasinda kuba lingazange liyokukroba. 

Aba badutyulwe ngamadoda amabini angaziwayo nawathi ukugqiba kwawo abaleka.

 

Esesithathu kukubhaqwa kwexhewukazi sele linamanxeba kwaye libhubhile kwilali yaseNgcisininde eNgqamakhwe ngoMvulo nekungekabanjwa mntu malunga nokubulawa kwalo.

 

UNjengele Ntshinga uthe: “Bonke abo bacinga ukuba baza kuhlalela ukuhlasela amanina kwakunye nabantwana baza kudibana nengalo yomthetho. Kwaye siza kuqinisekisa ukuba amatyala anje ayaphandwa kwaye anempumelelo,” utshilo uNjeng. Ntshinga.

 

Uthi lixesha lokuba abahlali basebenzisane namapolisa ngeenzame zokuliwa kolwaphulo mthetho ezilalini. Abahlali bakwabongozwa ukuba beze ngaphambili kumapolisa nolwazana abanalo kuba lakuthi lincedise ekubanjweni kwezigila mkhuba.