Ziziphakela ukutya izigulana ezinomhlaza eFrere

Izigulana zesibhedlele iFrere Hospital eMonti ziziphakela ukutya ekhitshiniUMFANEKISO: UTHUNYELWE

Zinyanzeliswa ukuba ziziphakele ukutya izigulana kwisibhedlele saseFrere, eMonti.

Ingxelo ithi ezi zigulana zigula ngumhlaza zihlala kwiwadi enguJ2 edume ngemeko embi yokuhlala ngenxa yokubola kweendonga kwanomgangatho.

Elinye lamaxhoba ale meko kutshanje uNonqaba Lugogwana ogula ngumhlaza uthi ukhathazekile yindlela abaphathwe ngayo kwesi sibhedlele sodumo.

“Omnye umama ongumguli ngenye imini unyanzelwe ukuba ahlambe umgqomo oneempethu kuba kungekho bani uvumayo ukuhlamba lo mgqomo, wakwenza oko egula enjalo,” utshilo uLugogwana.

Ukuziphakela kwabaguli kubangela ukuba abanye abaguli balale bengatyanga kuba abanye bayagqithisa ukuphaka.

“Ngamanye amaxesha oku kutya kuza kukudala kunevumba elinganyamezelekiyo, ingxaki yokungacoceki kwale ndawo yeyona ngxaki iphambili,” uthethe watsho uLugogwana.

Kukwakho nesityholo sokuba omnye woogqirha ojongene nabaguli abanesifo somhlaza waxelela umguli ukuba ayokucela uncedo kumongameli Jacob Zuma xa wayecela uncedo.

“Omnye usisi wayecela iphepha lokuba ayokucela isibonelelo sikarhulumente ngenxa yokugula ngumhlaza, ugqirha ekuthwa nguB wamxelela ukuba ayokulifuna olo ncedo kuJacob Zuma, abantu bayoyika abafuni kuthetha ngezi ngxaki,” uthethe watsho uLugogwana.

Kutyelelo lethu kweli ziko asivunyelwanga ukuba singene nangona imeko yeendonga nomgangatho zibonakala ngaphandle kwamathandabuzo ukuba le ayiyo ndawo enokugcina abantu abangaphilanga.

Ngonyaka ka-2011 urhulumente kazwelonke wakhupha imali ekwibhiliyoni yeerandi ngenjongo zokuba isetyenziswe ukuphucula nokuvuselela imigangatho yezibhedlele nekliniki (R1.9 Billion).

Esi sibhedlele sasungulwa njengesibhedlele soqeqesho ngonyaka ka-1881,kwaye siwenze ngempumelelo lo msebenzi ukusukela ngoko.

Ongumphathi wesi sibhedlele uRolene Wagner uthi bayazazi ingxaki zaseJ2 kwaye banqwenela ukuzilungisa ezinye.

“Kuhlala izigulana ezingamashumi amane kula wadi, sinawo umnqweno wokuba nayo iphucuke njengezinye iindawo zesibhedlele, kodwa okwangoku asinayo imali yokwenza lo msebenzi,” uthethe watsho uWagner.

Ingxelo yesibhedlele ithi uhlobo lezigulana ezihlala kule ndawo zinako ukuzinceda kodwa xa kukho imfuneko yoncedo bayalunikwa, kuba kukho umsebenzi ojongene nabo.

“Umsebenzi wethu ococayo ukwanikwe uxanduva lokuba ancedise ezi zigulana ukuphaka ukutya kwazo,” utsho uWagner. Malunga nokudityaniswa kwamadoda namakhosikazi kwindawo zokuhlala isibhedlele sithi aziyonyani ezongxelo.

“Sinezindlu zangasese ezintathu enye yeyamadoda, ezimbini zijongene namakhosikazi, kodwa kuba ehlala ekwinani eliphezulu amakhosikazi lo nto yenze ukuba kubekho iingxaki kwezi zamakhosikazi izindlu zangasese,” utshilo uWagner.