HUUUNTSHU! TOGU, GQIRHA MZUKISI FALENI

UGqr. Nokuzola Mndende

Ndiziva ndingenakuthi cwaka xa ndifumanisa ukuba uNgconde, uTogu, uMzukisi Faleni ongumsasazi kwicandelo lenkolo kuMhlobo Wenene ugqiba kuphumelela izifundo zakhe zobugqirha kula dyunivesithi yaseNtshona-Kapa apha kule yoKwindla. Ndithi kuwe Mkwayi ‘Huntshuuu’ kwedini ungapheleli apho ke uxelele nabanye ukuba yintoni kanye le ubuyiphanda, waze wayihla amahlongwane xa bekutheni kuqala. Uxelele uluntu ukuba yintoni emabayijongisise bayihlalutye kuba kaloku ezinye izinto sithi xa sithetha kweli lethu icala lesintu kuthiwe azibhalwanga. Omnye umntu uyakubuza ukuba yintoni le ebangele ukuba ndingakwazi ukuthi cwaka ngale thisisi yakho ndibe elo xesha ndisithi ndiluKholo Lwemveli qwaba, inyani engasoze ijikwe mntu ke leyo, izizathu zam ke zininzi.

Njengoko ke sisazi ukuba xa umntu ethweswa ubugqirha (PhD) xa ethe waphumelela kuphando oluthile luze lube nabavavanyi bangaphandle kwedyunivesithi leyo ubufunda kuyo (external examiners) babe besuka apha kweli lizwe lethu (national), kuye, kuphinde kubekhona nabangaphandle koMzantsi, kuze kubekhona nabaphesheya kwezilwandle, bayixikixe nkalo zonke lento uyithethayo baphume ngazwinye. Mna kaloku isupervisor yam yayinguNjingalwazi David Chidester, ezangaphandle yanguNjingalwazi Isabel Phiri waseMalawi noNjingalwazi Jacob Olupona waseNigeria kodwa ozinze eMelika, waze omnye yanguNjingalwazi Rosalind Hackett wakwiDyunivesithi yaseTennesse eKnoxville eMelika.

UTogu lo uthe noxa bekungelula kuye ukuthetha phandle kubantu baseNtshona abacinga ukuba isintu sethu sasingento phambi kokuba bafike, waphelisa yonke loo nto, banqwala bathi ‘hayi sikuvile Ngconde’. Kaloku kusoloko kusithiwa isiNtu siyacinezela koomama ngaphezu kwezinye iinkolo neenkcubeko ezafikayo apha, bade abanye bathi oomama abantsundu bancedwa kukufika kwesilungu batsho bakhululeka, amampunge odwa.

Uphando lwakhe ke uTogu luye lwagxininisa kwindlela uYakobi (Jacob) waseBhayibhileni nabanye ootata abayivelela ngayo imontlalo yoomama okanye abantu ababhinqileyo, waze wayiqhathanisa nendlela ukumkani uPhalo wamaXhosa awayeyivelela ngayo imontlalo yoomama ngokwesintu (Comparative analysis between the Biblical Jacob of the Old Testament and Old Testament of King Phalo of AmaXhosa). Uyivelele yacaca gca into yokuba eyethu imontlalo kwantlandlolo noxa utata eyintloko yekhaya ngokwemontlalo yesintu (patriarchy), ibiyinto engacalucaluliyo, umntu ebenendawo yakhe ngokwendlela azelwe ngayo (birthright) nokuba sesiphina isini. Uyayibonakalisa lo kaTogu into yokuba ukumkani uPhalo ebengazange wenza izigqibo yedwa nabantakwabo ebakhuphele ngaphandle oodadewabo noodade boyise. Ude ayicacise into yokuba izinto ebekumelwe zenziwa ngodadobawo ebengazichaphazeli azenze ngokwakhe kuba ebeyazi inkolo yesintu ukuba ithini kwanokuba iziphumo zakuthini xa ephuma ecaleni.

Uyayibonakalisa lo kaNgconde nento yokuba ngexesha likakumkani uPhalo intlonipho ebantwini abadala kuquka oomama yayiyintsika yesizwe esakhekileyo hayi le yanamhlanje apho ufumanisa ukuba abantu abadala nabangomama bazizigculelo zokunukunezwa, beholongwa esidlangalaleni ngabantu abathi ngamadoda, loo nto beyenza egameni lenkolo eyafikayo yaze yanyhasha ubuntu bomAfrika. Namhlanje sinezidlwengu, ababulali bemiphefumlo yabantu abangakwazi nokuzikhusela phofu besithi baziinkokheli zangomso ezimise ngobudoda bazo.

Undicubhula xa esithi izinyanya zomzi ontsundu azithi ze zisebenze zibe ziyavuswa kwabafileyo, zisebenza gqathu kula ndawo zikuyo. Yiyo ke le nto ndiyifunde ngomdla omkhulu let hesis yakhe uMkwayi lo kuba uveza iinyani zokuba oomama bacinezelwa yinkcubeko yobukoloniyale (colonial African culture) eyenza uninzi lwamadoda antsundu namhlanje akope zonke ezi mfundiso zoYakobi abe ngathi ayalwa kukho umoya mhla engena ebudodeni. Amadoda anamhlanje athukela ngaphezu koomama.

Camagu Togu oneendlebe uyakuva abuyele emthonyameni abuze intsusa nonobangela, angxengxeze kuzokulunga isizwe. Ithesis efana nale kaTogu ndiyikhuthaza ukuba ifundwe ukuze ulutsha luzokuvuleka amehlo lubheke phambili luqiqe kakuhle kuzokuphuhla obona bungcambu bobuzwe bethu obusekelwe kwingcambu zethu. Loo nto iyakwenza kucace ukuba lomkhuba wokucinezelwa komama esiXhoseni ngumgqakhwe otata bakudala babenesidima imizi iqinile iluqilima.

Camagwini.

Njingalwazi Nokuzola Mndende (PhD in Religious Studies – UCT) ubhala njengomphathi weCamagu Heritage Institute and a scholar of African Theology)