Ingaba kukhona ukutya?

UMHLA weshumi elinesithandathu kule nyanga yeDwarha, ngumhla wokuqaphela, ukufundisa nokunika ulwazi ngokubaluleka kokutya kwihlabathi.

Le yinkqubo yoMbutho weZizwe eziManyeneyo (UN) ejoliswe ukukhuthaza uluntu lwehlabathi ukuba luvelise ukutya okwaneleyo ukuze kuliwe indlala. Ngabantu abakwizigidi ezithandathu kwihlabathi abalala bengatyanga ngonyaka, ngokutsho kwengxelo yoMbutho weZizwe eziManyeneyo.

Esi sikhumbuzo kulo nyaka siza ngexesha apho ihlabathi lijijisana nesifo seKhorona. Esi sifo sikuphazamise ngamandla ukuveliswa kokutya kwihlabathi, nanjengoko amafama enyanzeleke ukuba anqumamise umsebenzi isithuba seesnyanga ezine.

Ukunqumama komsebenzi ezifama ngenxa yesifo seKhorona kuthetha ukuba akukhange kulinywe, akukhange kwenziwe malungiselelo okulima nokufuya ngokukuko.

Minyaka le bachankcatha kumxholo othile ngeenjongo zokufundisa nokulumkisa ihlabathi ngeengxaki zokutya. Kunyaka ka2020 umxholo wabo uthi izisombululo ezizizo kumalinge okuvelisa ukutya okunempilo.

Ngamazwe alikhulu namashumi amahlanu athi athathe inxaxheba minyaka le kulo mcimbi wehlabathi.

Xa singenelela le mibhiyozo singuMzantsi Afrika, kumele ukuba siqwalasele izinto ezimbalwa. Kumele sijonge ukuba sinako na ukutya, sinayo na imali yokukuthenga, oko kutya kuthengwayo.

Ukuba akukho ukutya kumele singenelele kumalinge okuveliswa kokutya ngamandla, abo banayo imali bachithe imali kwiindlela eziza kwenza ukuba babe nokutya kwixesha elizayo.

Ingxelo yeStatistics South Africa ithi lehlile izinga leemveliso ezininzi kweli ukusukela embindini walo nyaka, ezi mveliso ziquka ukutya.

Oku kwehla kwezi mveliso kwenzeka logama inani labantu beli lihleli kumashumi amahlanu anesibhozo ezigidi.

Oku kukwanika umdla ngomxholo weUN kulo nyaka kuba bathi makuthethwe ngokutya okuninzi okuye kulahlwe kumakhaya. Ithi le ngxelo amakhaya amaninzi awakwazi ukugcina ukutya ukuba kusebenze ixesha elide, koko kwenziwa inkcitho eninzi yokulahlwa kokutya.

Xa uyizisa kweli lakuthi lemeko yokwenza ilahleko enkulu ngokutya ungayijonga kwimingcwabo yethu.

Imiqathango karhulumente equka ukuthotywa kwamanani abantu emingcwabeni kumele ukuba siyisebenzise njengekhubalo lokuphungula inkcitho nelahleko yokutya.

Ukuphendula umbuzo wethu othi ingaba kukhona na ukutya, sakuwuphendula sonke ngokuthi siqalise amalinge nokuba mancinci kangakanani okuzenzela ukutya.

Masingakuvelisi kuphela koko masikugcine ukutya esinako, sicingele amaxesha azayo. Zininzi iindlela zokukhusela ukutya okukhoyo, sinezikhenkcezisi, singabuyela nakumadladla nezinye iindlela zakudala. Ingaba kukhona ukutya?