Vela Bahleke

Umbhali kaVela Bahleke uSonwabo Yawa

UVela Bahleke uyacinga
ukuba kwakhutheni kubekho lento iyimidlalo kwanale kuthiwa lukhiphiswano, ingaba
kwakuzanywa ukufundiswa abantu ngobomi apho kumele ubani nabani akwamkele
ukohluleka kuba kuyinkxalenye yobomi esibuphilayo?

Angathi umntu akohluleka
afune ukuzibulala. Nalapha emidlalweni ke kukwakho amaqhinga athile
okuphumelela apha kubadlali, yiyo nale nto siye sifumane kukho uSompempe
wokujongana nalamaqhinga abadlali.

Ndikhumbula mfana uthile
sidlala ibhola owayengandifuni nokundibona, edlala emva, ndandisithi ndiyinikwa
nje ibhola abe ephefumla apha entanyeni yam ngasemva kunjalo nje eyithatha
amatyeli amaninzi.

Ndaye ndazinceda ngokuba
qho xa kusiza ibhola ndithufe isikhohlelakazi apha ecaleni kwakhe atsho asuke
ecaleni kwam. Ndiyaxolisa balesi ndiyayazi ukuba bakhona abo banentliziyo
ezincinci, ningafi. Ngala maqhinga ndithetha ngawo okuphumelela ke lawo.

Kodwa alikho
elindihlekise ngathi lelale mbethi manqindi ekucaca ukuba umfazi wayo wayengayi
eholweni ayokumbukela kuba enamasikizi axolele ukumbukela kumabonakude.
Yayibetha le mbethi manqindi kunjalo nje iyintshatsheli kwizinga layo.

Nangale mini
wayephambili ngamanqaku kule mbethi manqindi wayesilwa nayo. Ibonile le
ibethwayo ukuba ngathi iyohluleka mpela ngoku yacinga iqhinga lokuphuma
ekoneni.

Bathe xa bebambana
yasondela endlebeni yamhlebela “NAMHLANJE NDIZA KUBETHA PHAMBI KOMFAZI WAKHO” –
yothuka enye kuba iyayazi ukuba umfazi wakhe umshiye endlwini, yaphendula
“UYAXOKA AKAKHO” – incume kancinci enye le isemva ngamanqaku yathi makajonge
kulaa ndawo ihlala iingcungcu zodwa. Uthe esajonge apho yatsho enye
ngenqindikazi elamtsho wanaba.