Imincili uPutco esiya kwiRhythm FM

UNOMATHOTHOLO eMpuma Koloni sokuze uphinde ufane, nanjengoko iphondo lilindelwe sisikhululo esitsha iRhythm FM ezakukhokelwa nguPutco Mafani.

UMafani ubhengeze ukurhoxa kwakhe kwisikhululo asisebenzele iminyaka – Umhlobo Wenene FM.

UMafani, obesebenza inkqubo iBreakfast Eyondlayo Ekuseni enezigidi ngezigidi zabaphulaphuli ngenxa yakhe, uzakwenza inkqubo yeBhrakfesi kwiRhythm. Akuphelelanga apho, uMafani uzakuphinda abengumanejala wesi sikhululo sitsha siza kubanamagumbi osasazo eMonti.

UMafani akawuvali umlomo, esithi esi sikhululo sitsha siza kwenza umahluko eMpuma Koloni.

“Kubi ngokuba ndishiya Umhlobo Wenene, kodwa ndinemincili engathethekiyo ngokuba ndiza kuqala ishishini lam, apho ndinezabelo khona.

“Kokokuqala eMpuma Koloni ukuba sibenesikhululo sabucala esisasaza ngesiXhosa nesiNgesi, sisasazela iMpuma Koloni yonke. Enye into endivuyisayo kukuba ndiza kube ndisebenza nabantu abatsha.

“Ndiza kube ndiphakula izakhono, ndifundisa abantu abatsha usasazo,” utshilo uMafani.

Nangona nje uMafani esithi uzakusebenza nabantu abatsha, I’solezwe likholelwa likhona iqela loosaziwayo abazenzele igama kwezosasazo elizakuba yinxalenye neRhythm FM.

IRhythm FM sisikhululo esizakusebenza phantsi kweemfefe zeMSG Africa Group. I-MSG iphethe izikhululo ezifana nePower FM eRhawutini kwakunye neCapricorn FM eLimpopo.

Ingqonyela yeMSG uGiven Mkhari, osebenze ixesha elide kwiMetro FM, uthi uyavuya ukusebenzisana noMafani. “Siyavuya kakhulu ukuqala [esi sikhululo] noPutco, kuba ngumsasazi onamava. Ukusebenzisana naye kuza kwenza I Rhythm FM ikhule ngokuxandileyo,” kutsho uMkhari.

Ngokwengxelo uPutco wafika inkqubo yeBhrakfesi inabaphulaphuli abakumawaka angamakhulu asibhozo (800 000) ngonyaka ka-2010, kodwa ngoku uyishiya inezigidi ezithathu.

Owona mhla wokuqala kweRhythm FM awukaziwa, kodwa kuyavakala ukuba yonke into iyaqala embindini walo nyaka. Singasemoyeni!