Imvumi ikhala ngorhulumente weMpuma Koloni “ongabonakaliyo”

“Sizwe sakuthi iEC [Eastern Cape], ndicela ndibeke kanje, iifestival zinqabile eEC futhi ayikho eke ibe yindumezulu kuthiwe ngeyase-EC. Kanti thina eMpuma Koloni asinaye urhulumente? Asinabo oomasipala, sisoloko sibona amanye amaphondo esenza imicimbi, ephakamisa iindawo zawo nje?” lo ngumbuzo wemvumi yeMaskandi uSilungile Mralatya odume njengeNkunzencane.

UNkunzencane ubhale kuFacebook wakhe ebuza ukuba iimvumi zeli phondo zakuqatshelwa nini xa ziphangelwa zezinye iimvumi zamany’ amaphondo.

” Andithethi ngeMaskandi kuphela. [Ndithetha] iScathamiya, iimbongi, igospile konke. Kutheni sisoloko sisemva nje thina?” kubhala uNkunzencane ongunyana kwigqala leMaskandi uNkunzemdaka.

“Kuthi sekukho ifestival [umnyhadala] ufumanise ukuba akukho nenye iartist [imvumi] yaseMpuma Koloni, kukho ezinye zezinye iindawo, ufumanise ukuba iza kubhatalwa iR80 000 inye, imali ibinokubhatala iimvumi ezintathu?” kubuza le mvumi.

Le nzalelwane yaseNkantoko eMbizana, ithe ayidali ngxabano napolitiki ngalo mbhalo wayo, kodwa ivakalisa nje izimvo zayo.

“Kutheni kwi-event kungabikho iimvumi ezisi-7 zalapha ekhaya, ze kuthathwe zibe ntathu ngaphandle?

“Thina eMpuma Koloni ngeke uve kuthiwe imvumi yethu iye kwelinye iphondo. Sineemvumi nathi ezicula kamnandi, kodwa ngekhe zikhule iimvumi zethu xa kunzima nokuba kubekho ifestival nokuba inye!” kubhala uNkunzencane.

Le mvumi ivale isikhalazo sayo ngokubulela kuMasipala waseMbizana ongakhange ayilibale phambi kweCovid-19.

” Hayi mna shame ndiyazibongela kubantu bebendiqasha ingekaphazamisi iCovid-19, uMasipala wakuthi iMbizana, ndiyabulela, sasebenzisana kamnandi ngo2019.”

Uthe ucela uxolo ukuba lo mbhalo wakhe kukhona apho uza kummoshela khona.

UNkunzencane uthi bacela ukuhoywa ngurhulumente weMpuma Koloni ukuze kungamane kusithiwa iimvumi zezinye iindawo zinkulu kunabo kanti zigqanyiswe ngamaphondo azo.