Iyokukhuphisana eTurkey intwazana yaseGqeberha

UKungawo Mpini oneminyaka esixhenxe oqale ukungenela ukhuphiswano loonobuhle eneminyaka emithandathu kuphela kwiSunday School eBhayi, ubuye nesithsaba sokuba nguMiss Petite South Africa 2021 emela iphondo leMpuma Koloni.

Ukhuphiswano ibilolukaMiss Junior South Africa nobelubanjelwe ePitoli ngempelaveki. UMpini sele enamabhanti aliqela kukhuphiswano loonobuhle esingabalula ambalwa, elikaMiss Petite Globe SA 2021, Miss Petite SA Eastern Cape kwaye sele esuka nokuba nguMiss Tiny Port Elizabeth kwakunye noMiss Eastern Cape 2021-2022.

UMpini ukwalindeleke ukuba kunyaka ozayo u2022 ayokumela eli lizwe loMzantsi Afika kwilizwe laseTurkey njengoko ekwafumene nebhanti lokuba nguMiss Petite Globe South Africa 2021. UKungawo kwakunye nomama wakhe uAsanda Mpini bazalelwe kwilali yaseThwecu eTsholomnqa eMonti, nangona nje behlala kwaDwesi eGqeberha. UKungawo wenza uGrade 2 eHappy Home Academy eGqeberha.

UAsanda uthi akukhange kube lula kolu hambo ngenxa yempangelo kwakunye nesikolo emntwaneni. Uthi ngenxa yomphathi wakhe emsebenzini, oogxa bakhe emsebenzini nabasecaweni kwakunye neMonti kuye kwaba lula ngenxa yenkxaso. UAsanda uthi kumaxesha amaninzi uKungawo umfundise ngokwakhe endlini ezinye zezinto ngenxa yokungabikho kwexesha. Uthi ngaphezu koko nokuba noThixo kwenze kwalula kubo. Uthi akanakuyibalekela eyokuba uKungawo ebenako ukukhwina endleleni kodwa ngenxa yokunikela ithemba kuThixo uye waphinda wabuyisa ukuzithemba kwanokuzithanda kwakhe.

UAsanda ubulele inkxaso kubantu abathe bavota abe kanti umntwana wakhe uyaphumelela.