Icekwa lisebadlalini kwidabi laseSoweto

UKhama Billiat weKaizer Chiefs

UMzantsi Afrika uza kuma ngxi emalanga ngoMgqibelo. Yintlalisenzeka leyo qho xa kudibana iOrlando Pirates neKaizer Chiefs – awona maqela anabalandeli abaninzi ebholeni yaseMzantsi Afrika.

Ngumdlalo lo owahlula phakathi abantu belizwe: kubakho abePirates, abeChiefs kunye nookhwelecingweni abasoloko besithi sakuty’ efileyo. Amakhosi andwendwela eZimnyama kumdlalo weAbsa Premier Soccer League oza kube ubukelwe ngabantu abangaphaya kwamashumi asibhozo amawaka (80 000) eFNB Stadium ngo’15:30 ngoMgqibelo.

Abalandeli bawathenge aphela amatikiti omdlalo – ubungqina bokulangazelelwa komdlalo. Icekwa lisebadlalini ngoku.

Kufuneka banike abalandeli into elindelekileyo kubo: Ibhola enomtsalane namagowuli.

UMilutin Sredojevic noGiovanni Solinas bawaqule bade bawagangatha awabo ngoba bayakwazi ukubaluleka komdlalo kokubini emaqeleni nakubalandeli.

Indlela adlala ngayo amaqela kule sizini inika ithemba. Nakubeni iBucs neChiefs ziphumelele ziyimidlalo phambi kwedabi – kodwa abadlali bayazi ukuba kufuneka bawunyuse ngakumbi umgangatho. IBucs, ekwindawo yesibini, ifuna amanqaku apheleleyo ukuze ivale umsantsa ophakathi kwayo neBidvest Wits. Ngeke ibe yinto elula leyo ngoba iChiefs, ekwindawo yesithathu kwiPSL, izingela amanqaku apheleleyo nayo.

Ukuphumelela phambi komdlalo omkhulu kubancedile abadlali bePirates ngoba ukuzithemba kubo kufunqukile.

“Siyavuya ngoba iyasikhuthaza impumelelo kodwa kusekho iindawo ezifuna ukulungiswa phambi kokudlala neChiefs,” utshilo uMicho emva kokuba iPirates ibethe iChippa United ngo’1-0 kwiTelkom Knockout.

USolinas akalali buhlayo; uthandazela ukuphila ngokupheleleyo kwabadlali abafana noKhama Billiat, uLeonardo Castro noDumisani Zuma emva kokuphoswa ngumdlalo iChiefs ebethe kuwo iBlack Leopards kumapenela emva kokubambana ngo’1-1.

Umqeqeshi weChiefs uthe idabi laseSoweto ngumdlalo okhethekileyo kubo bonke abantu abasebholeni. “Umdlalo uza kuba nzima – kodwa siza kulwela ukuphumelela,” utshilo uSolinas kwiveki ephelileyo.

Amabhakaniya kulindeleke axhathise ngabadlali abafana noHappy Jele, uXola Mlambo noVincent Pule oyingozi kakhulu.

Kanti wona Amakhosi aza kuthembela kuWillard Katsande, uBilliat no-Itumeleng Khune ezipalini.