UMzantsi ujongene nenye ingxaki kwiT20

UTemba Bavuma, odlale kakuhle emidlalweni yosuku olunye egqithileyo, uza kuphoswa ngumdlalo ongomso ngenxa yokonzakala umfanekiso: Deryck Foster/BackpagePix

Umqeqeshi weProteas, uMark Boucher, usengxakini emva kokonzakala kukaTemba Bavuma.

Ingxelo ephuma enkampini yeProteas ithi uBavuma wonzakele emdlalweni weKFC T20 obuphakathi koMzantsi Afrika neNgilane kwibala laseThekwini kwiveki ephelileyo.

AmaNgesi, azintshatsheli zehlabathi, agoduke imisila iphezulu emva kokubetha uMzantsi Afrika ngo’2-1 emidlalweni yosuku olunye (T20).

Abachongi beProteas bagqibe kwelokuba bangafaki mntu endaweni yakhe ngoba oogqirha bathi ukonzakala kwakhe kungabuya umva zingaphelanga iintsuku ezilishumi.

Lo nto ithetha ukuthi uBavuma uza kuphoswa ngumdlalo wokuqala kuleyo yosuku olunye (T20) phakathi koMzantsi Afrika neAustralia ngomso.

Nangani eza kuphoswa uBavuma ngumdlalo wangomso, kodwa abaqeqeshi bathandazela ukuphila ngokukhawuleza ngoba bancwase ukumsebenzisa emdlalweni ongeCawe, eBhayi.

Abachongi beProteas bazikrwempa iintloko emva kokudlala kakuhle kwakhe uBavuma emidlalweni yeT20 elandele ukuchwethelwa kwakhe ecaleni okwenza isankxwe ebholeni yeqakamba.

UBoucher uxelele iintatheli kule veki okokuba kuninzi okufuna ukuqwalaselwa kwiqela lakhe emva kokubethwa yiNgilane. Wanyuselwa uBoucher kwiintsuku ezimbalwa phambi kotyelelo lweNgilane ekuqaleni konyaka.

“Andifuni ukukhokelisa indlela endiziva ngayo. Into endinokuyithetha kukuba mninzi umsebenzi ofuna ukwenziwa. Emidlalweni yovavanyo, kufuneka silungise kuyo kakhulu. Into efunekayo kukufunqula ukuzithemba nendlela abadlala ngayo abadlali kwimidlalo yovavanyo,” utshilo uBoucher ethetha eThekwini.

UFaf du Plessis, obekade enguKapteni ubeke phantsi kuyo yonke imidlalo, indawo yakhe ithathwe nguQuinton de Kock – ongomnye wabadlali abadlale kakuhle emidlalweni egqithileyo.

Nakubeni uBoucher esajonge ukubhalisa impumelelo yakhe yokuqala njengomqeqeshi weProteas kodwa unethemba lokuguquka kwezinto njengokuba kusondela iT20 World Cup.

“Sinabadlali abaninzi abasemgangathweni ophezulu. Sinika abadlali amathuba okudlala, ngoku sinethemba lokuba baya kuthi bazigqatse njengokuba kusondela imidlalo yehlabathi yeT20,” utshilo uBoucher.

UMzantsi Afrika uza kusokola njengokuba kungekho uBavuma ngoba iAustralia liqela elinamandla kakhulu kwiqakamba.