UTeboho uyakwamkela ukufunquka kweChilli Boys

Mark Mayambela of Chippa United surrounded by Chiefs defenders during the Absa Premiership 2017/18 game between Chippa United and Kaizer Chiefs at Nelson Mandela Bay Stadium in Port Elizabeth on 6 December 2017 © Deryck Foster/BackpagePix

Kugquba umoya
omhle nokuzithemba enkampini yeChippa United emva kokufunquka kwalo
kumanqwanqwa wePremiership! Oku kulandela ukuphumelela kwayo umdlalo omkhulu
kubusuku bayizolo. IiChilli Boys zibethe Amakhosi ngo’1-0 kumdlalo we-Absa
Premier Soccer League obubukelwe ngabantu abangaphaya kwamawaka alishumi
elinesine eNelson Mandela Bay Stadium. Amanqaku amathathu azuzwe leli qela
ekuphela kwalo eMpuma Koloni elidlala kwinqanaba lebhola eliphezulu eMzantsi
Afrika, alithathe alibeka kwindawo yesibini kwiPSL. Yinto encomekayo kakhulu
leyo futhi enika ithemba kwiqela nakubalandeli beChippa United emva kokusokola
kakhulu kwisizini egqithileyo.

Umqeqeshi weChippa
United, uTeboho Moloi, uzamkele iziphumo zomdlalo watsho esithi kodwa kusekho
ekufuneka bakwenze ukuze kuphucuke indlela iqela lakhe elidlala ngayo. Lo
mqeqeshi uxole ngaphakathi entliziyweni emva kokuba igowuli elifakwe ngu-Abel
Mabaso ngomzuzu wesine kwisigaba sokuqala linineke iChippa impumelelo emva
kokukhutshwa yiKaizer Chiefs kukhuphiswano leTelkom Knockout. Nangona kunjalo
uMoloi akonelisekanga ncam yindlela iqela lakhe elidlale ngayo. Kwisiqingatha sokuqala,
iChippa United ibiwuphethe umdlalo furhi inawo namathuba okufaka amagowuli
aliqela – kodwa khange kube njalo.

                                         No automatic alt text available. 

“Ndiyazamkela
iziphumo zomdlalo. Indlela esidlale ngayo ayindonelisanga ncam. SBekufanele siwusonge
kwakwisiqingatha sokuqala umdlalo. Kwisigaba sesibini iChiefs ibisongamele.
Ndicinga ukuba umdlalo besohlulelene ngawo. Ngamanye amaxesha kuye kuthiwe
yamkela lo nto uyifumanayo ukuba uwafumene amanqaku amathathu. Ndingatsho ukuba
ndonelisekile,” utshilo uMoloi.

IChippa United
ijongisa imibombo eGoli kule mpela veki – apho kulindeleke ukuba iqubisane ne-Ajax Cape
Town kumdlalo wePSL ozakube useBidvest Stadium ngo’20:15 ngoMgqibelo.