Ziyonyuka iziselo ezibandayo kunyaka ozayo

EKAPA: UKUSUSELA kwekaTshazimpuzi ngonyaka ozayo kuzakuhlawulwa uchatha kwiziselo ezibandayo.


Icandelo lomoba liyalumkisa ukuba abasebenzi abaninzi bangaphulukana nemisebenzi ngenxa yerhafu kwiziselo ezineswekile ephunyezwe ePalamente ngoLwesibini.


Oku kuphelise ingxoxo ngale rhafu ezithathe iinyanga eziyi 18 zaquka noluvo lwabantu amatyeli amane.


Le rhafu, ezakusebenza ngomhla wokuqala kwekaTshazimpuzi, izakwenyusa ixabiso leCoca-Cola nge 11 percent. “Siqhwabela amalungu ePalamente ngokubeka impilo yezigidi zeli lizwe phambi kweemfuno zemizi eyenza iziselo ne-sugar industry,” utshilo uTracey Malawana, we-Healthy Living Alliance (Heala).


“Sibulela kwingxowa nakumalungu ePalamente, iSouth Africa isendleni yokulwa ukwenyuka okoyikisayo kwenani lokutyeba neswekile nezinye izifo ezinganxulumaniyo (non-communicable diseases). Ngoku sijonge kuMongameli atyikitye lo mthetho ubalulekileyo angalibazisi,” utshilo.


Kodwa, iSA Sugar Association Nutrition ithi ixabiso eliphantsi leswekile, isimo soqoqosho oluntenga-ntengayo neziphumo zerhafu kuzakubangela indawo zeswekile zivale ze abantu abayi 20 000 baphuncukane nemisebenzi kwiminyaka emihlanu ezayo.