Covid 19: Lidinga abongikazi ihlabathi

Umbutho wezeMpilo kwiHlabathi, iWorld Health Organisation, uthi amasebe ezeMpilo koorhulumente behlabathi badinga abongikazi ngenxa yokunyuka kwesifo sekhorona.

Ingxelo yalo mbutho ithi ihlabathi xa lilonke linabongikazi abangamashumi amabini anesibhozo ezigidi, kwaye kukho imfuneko yabongikazi abakwizigidi ezisixhenxe.

Othethe egameni leWorld Health Organisation uTedros Adhanom uthi ihlabathi lakuncedakala kuphela kukunyuka kwamanani abongikazi kwisifo sekhorona.

“Esi sifo sidinga ulwazi olongezelelekileyo, ulwazi olutsha nomdla ngoku njalo kubongikazi behlabathi, umsebenzi ukhule ngamandla kwaba bakhoyo abongikazi,” kucacisa uAdhanom.

Kutyelelo lweli phepha kwesinye sezibhedlele eCacadu, sifumanise ukuba igumbi elinabaguli abalishumi elinesihlanu, lijongwe ngumongikazi omnye kuphela. Esoyikisela igama lakhe lo mongikazi, usixelele ukuba uyoyika naye kuba akakhuselekanga. “Ndindodwa imini yonke, azikho izikhuseli ezifana nemask nezinye izinto,” kutsho umongikazi.