Cwaka tu ngozakungena ezihlangwini zikaTbo Touch!

UMSASAZI kanomathotholo eSABC uThabo “T-Bo Touch” Molefe ngoMvulo, ukungqinile ukulahla kwakhe kwiMetro FM, kodwa wala kwaphela ukudiza iinkcukacha zamanyathelo alandelayo kwikhono lakhe.

Kwincwadi yokulahla kwakhe ayibhale ngomhla we-21 kweyeSilimela, uMolefe ubambe ngazibini kwiSABC ngokumnika ithuba lokwakha ikhono lakhe likanomathotholo nomabonakude.

“Emva kweminyaka elishumi elinanye yokusebenza kunomathotholo nohambo oluhle, ndifuna ukuthabatha eli thuba ndibulele kwiSABC ngexesha neenzame ezenzileyo ukwakha ikhono lam kunomathotholo nomabonakude,” utshilo uTbo Touch.

UTouch, nanjengoko eteketiswa ngabaninzi, yiDJ yeHip-Hop nosomashishini osasaza inkqubo yasemva kwemini, iThe Touchdown phakathi evekini phakathi kweyesithathu neyesithandathu.

“Ndiyazingca ngokubalwa phakathi kwabasasazi ababalaseleyo abekhe basebenza kweli qumrhu. Ndiyakuhlala ndigcwele umbulelo ngeemfundiso nangempumelelo iMetro FM endinike zona,” utshilo.

Nangona uMolefe esesemoyeni, uzakusishiya esi sikhululo kwinyanga ezayo.

“Ndingathanda ukushiya iMetro FM ngendlela entle engenatyheneba kwiintsuku ezingama-30 zokufa esi sicelo,” utshilo uMolefe.

Ukufuma kwempokotho kaTouch kwakuqikelelwa kwinto ekwi-500 000 yeedola ngonyaka ka2015.

NgoMvulo ubhale kwikhasi lakhe likaTwitter esithi: “ Ibiluhambo oluhle kakhulu. Ndibulela ithuba ngalinye.”

UMolefe bekhe wanqunyanyiswa ebutsheni balo nyaka emva kokutyholwa ngokubandakanyeka kumlo wokungombana nogxa wakhe, nokufunda intengiso emoyeni, zityholo ezo waziphika walala ngecala.

Othethela iSABC uKaizer Kganyago, akakhange afumaneke ukuze asithi thsuphe ngozakungena ezihlangwini zikaTbo Touch.

simphiwe.freddie@inl.co.za