Ezomoya nenkolo kwiGrahamstown Arts Fest!

Ezomoya – zingabonakala iyinto yokugqibela onokuyijonga kumnyhadala wobugcisa ogcweleyo ngabantu, kodwa noxa kunjalo, inkqubo yemixholo engenkolo kumNyhadala wobuGcisa kaZwelonke ibonakalisa iqonga lokuxovulwa kwemiba engenkolo.

I-Spiritfest sineminyaka ekumashumi amabini ubudala siqhuba, yaye singumsebenzi wabantu benkolo yobuKrestu eRhini kuquka imiboniso yedrama, imiboniso yobugcisa kunye nomculo weekwayala zenkonzo.

Uninzi lwale miboniso ifele-fele kwaye ayinamatikiti, kodwa ukufakwa kwesandla kuyakhuthazwa. I-SpiritFest ngumnyhadala omdala, waqala njengendawo apho iicawa zibamba imicimbi yobugcisa eyayibonakalisa ukukhula unyaka nonyaka.

Ngexesha lalo mnyhadala, ezi ziganeko ziqhutyelwa ezicaweni ezifana ne- Anglican Cathedral of St Michael ne St George (aka Grahamstown Cathedral), St Patrick’s Catholic Church kunye ne-Methodist Commemoration Church.

Ongusihlalo weSpiritfest uMaggy Clarke uqhule wenjenje, “Ngeminyaka yoo-90, amaKhathedrale afumanisa ukuba kukho umnyhadala oqhubekayo ngakuwo. Yayinengxolo, kwaye abo bandwendweleyo bangadinga indawo ethuleyo. Ndaze ndaqalisa neziganeko ezizolileyo zangexesha lesidlo sasemini. Wawunokungena, uve ikwayala intyiloza.”

Kususela ngoko ibonakalise ukukhula, ezinye iinkonzo zangenelela ukwenza inkqubo. Kudala, abantu abadumileyo kwezenkolo babesingisa eRhini ukuyokuthetha kwiSpiritfest, abafana namatsha-ntliziyo, oonyawontle nexhoba lwebhombo uFather Michael Lapsley kunye no-Archbishop waseKapa uThabo Makgoba. Inkqubo yalo nyaka idakance imixholo etsala umdla, efana nenkululeko yobufundisi, iicawa kunye nobudlelwane babo bathandana besini sinye.

UClarke uthe abasweli nto kwiSpiritfest, “ iNkosi iyazibonakalisa,” utsho ngoncumo. “Sijonga lo nto siyinikwayo, ingangumculo, idrama okanye umdaniso kodwa kufuneka ibe yinto entle kaThixo.”

Umboniso obumhle kwiSpiritFest salo nyaka ibengumboniso uRomero. Ngumdlalo owenziwa yiPriest yaseRhawutini uFather Anthony Egan nobalisa ibali lika-Archbishop Oscar Romero wama San Salvador.

URomero wayelitshantliziyo labasweleyo eladutyulwa labhubha ngo-1980. URomero wabekwa kunyaka ophelileyo.

IGrahamstown Arts Festival iyaqhuba de kube ngeCawa womhla we-10 kweyeKhala 2016.