GENERATIONS: Iphinde yakwindawo yokuqala!

IGENERATIONS: The Legacy iphinde yabanga indawo yayo kwakhona ngokwamanani ababukeli.

Lo mdlalo kamabonakude, nowawukade ubizwa iGenerations waze watshintshwa wayiGenerations:

The Legacy ngeyoMnga ka2014, emva kokugxothwa kwabadlali abaliqela ngenxa yengxwaba-ngxwaba nomvelisi oyintloko uMfundi Vundla – kungoku nje uphinde wabuyela kwizigidi ezisibhozo zababukeli.

Ngokwamanani weTAMS, abantu bathethile, babeke iGenerations: The Legacy kwakhona kwindawo yayo njengowona mdlalo kamabonakude ubukelwayo eMzantsi Afrika.

Ukusungulwa ngokutsha kwalo mdlalo, emva kokunqumama ithutyana emoyeni, wadala isithuba sokhuphiswano nemidlalo evutyelwe apha ekhaya efana no-Ashes to Ashes, Uzalo kunye neSkeem Saam.

Uzalo, nebelibambe indawo yokuqala iinyanga eziliqela, kungoku nje likwindawo yesibini nge-7.9 yezigidi zababukeli, lize lilandelwe siSkeem Saam, naso esiyintandane yababukeli ngezigidi ezisixhenxe. Ingaba iGenerations: The Legacy izakukwazi ukuyigcina indawo yokuqala ithuba elide?