Hahaha! USkhumba uzakuba limaza ngentsini eMpuma Koloni!

BAMAZI ngokuhlekisa kwangexesha esengumntwana wesikolo samabanga aphakamileyo kwilokishi yaseThembisa, kodwa engazazi ukuba kwiminyaka elandelayo uzakube edume kuMzantsi Afrika wonke.

USkhumbuzo ‘’Skhumba’’ Hlophe, noyinzalelwane yelokishi yaseThembisa eRhawutini, uzakube ebawisa ngentsini eMpuma Koloni.

USkhumba, uxelele I’solezwe lesiXhosa kudliwano-ndlebe ukuba, yena liqhula ekudala likhona kwiqonga lamaqhula.

“Emva kokuhlekisa kwiindawo eziliqela, kwaye abantu babonakalisa ukundithanda nokundixhasa, zange ndiphinde ndibuye ndijonge emva,” utsho.

“Ilishumi ngoku iminyaka ndisebenza njengeqhula elihlawulwayo, kwaye oko sisonka sam,” utsho uSkhumba.

Eli qhula likwavakalise ukuba, nangona ingeninzi imali kulo msebenzi, kodwa ikhona.

“Ikhona yona imali yona kwikhomedi, kodwa ayikho kangako.”

USkhumba uzakube ehlekisa eBhayi kunye naseMonti ngomhla we-28 kweyeKhala 2016 ukususela ngentsimbi yesibhozo.

USkhumba sele etyunjwe kane kumawonga wamaqhula abizwa njenge SA Comic Awards.

Eli gatyana lingutata wabantwana ababini, likwangumdlali wenkqubo yamaqhula iThandeka’s Diary edlala kwiSABC 1.

Ukwavakalise ukuba yena akazithinti ezopolitiko: “Andifuni kukhubekisa mntu ngezopolitiko, ndihlekisa ngezinto eziqhubeka kubomi bam, bosapho nangendlela endikhuliswe ngayo njalo njalo.”

USkhumba sele ehlekise kwiindawo ezininzi ezifana neWitbank, eThekwini, Pitoli, Rhawuti nezinye, nathi kwezo ndawo amatikiti ayethengwe aphela.

Uthi abahlali baseMonti mabazilungiselele impambano, ubutyhakala nolonwabo olungazange lubonwe.

Simbuza ukuba uye azive njani xa abantu bengahleki, uthi “umntu uyakube uchithe ixesha lakhe elininzi ngokuzingcungcuthekisa ngaye kuba yena uzakube esenza oko akwenza ngcono,” utshilo.

Ucebise abantu ukuba mabangene kwiqonga leqhula beqhutywa yintshisakalo, uthando nomdla kuphela.

Amatikiti afumaneka nge-R150 eComputicket!