INGABA ungumntu oselula? Unomdla
kwicandelo lezefashoni? Eli lithuba lakho!
Abe-South
African Fashion Designers Agency (SAFDA) bebambisene ne-Services SETA, bakhangela abayili beempahla abangama-150 abanomdla wokuthabatha inxaxheba kwinkqubo
yoqeqesho yeenyanga ezilishumi elinesibini.
Eli
cham liwela abo baselula abahlala kwisithili
Metropolitan Municipality.
Le
nkqubo, nesungulwe ngonyaka ka2016, iza kuxhamlisa abafundi abangama-65 nesele
kumbovu ukuba baqukumbele uqeqesho lwabo lokuxhotyiswa ngezakhono zokusebenza
kwicandelo lefashoni.
Ukuze
ubani abenakho ukungena kolu qeqesho lutsha libizwa New Venture Creation NQF
Level 2 Learnership, kufanele abe ungummi woMzantsi Afrika oneDiploma
kwezeFashoni, isiqinisekiso sika-NQF Level 4
saseFET okanye isiqinisekiso seVocational Studies NQF Level 4.
Ngenxa
yokuba iMpuma Koloni inezinga eliphakamileyo lentswela-ngqesho, kwaye ibalwa
njengelinye kumaphondo athwaxwa yintlupheko, ukukhawulelana nale ngxaki,
ulutsha oluphakathi kwe-18 nama-40 eminyaka ubudala abanezifundo kwezefashoni,
bayakhuthazwa ukuba bafake izicelo ngokukhawuleza.
Umhla
wokuvala yi-28 kweyoMqungu 2018, kule mpelaveki sijonge kuyo.
Abo
bakhethiweyo bakuxhamla kwimali yesepha yenyanga nenyanga, ngokunjalo noqeqesho
lokwakha amashishini aphumelelayo kwezefashoni.
Umsunguli
nosihlalo we-SAFDA, uSonwabile Ndamase, usomashishini ophum’ izandla nowaduma
ngeehempe zakhe zikaMadiba uphawule wenjenje:
“Le
arhente ikhangela abantu abasebatsha, abazimiseleyo nabanomdla wokuzenzela
amashishini wabo ngeny’ imini kwaye babenegalelo ekulweni indlala
nentswela-ngqesho kweli phondo,” kutsho uNdamase.
enomsila bayamenywa ukuba bafake izicelo zabo kuquka neCV, iikopi zeziqinisekiso zemfundo ezigximfizwe isitampo,
inkcaza eqinisekisa inkubazeko phambi komhla we-28 kweyoMqungu.
yePosi ithi: SAFDA Offices, August House, 1st Floor,
2001.
ykhanyisa@gmail.com okanye inombolo
ye-feksi engu: 086 542 1478.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo