Imbali

emculweni

UDangatye ogama lakhe lokwenene linguSipho Malida yinzalelwane yaseBhayi. Wakhula ebhala iingoma kunye nemibongo. Wayefuna ukwenza izifundo zobuntatheli ngenxa yefuthe lobubhali, kodwa wafa namthanyana ngenxa yeengxaki zemali, ze wabona ukuba makakhumathele mpela emculweni.

Ngowe-1997 wayeyinxalenye yeemvumi ezazizigqatsile kukhuphiswano iShell Road to Fame.

Ukanti ngowe-2000 wasungula iqela elibizwa Izazi ekunye noLuthando noStanza kwi- ngoma ethi ‘My Prophet’ yenye yeengoma ezazitshisa gqitha zeli qela.

Waye ethubeni wazimela ngenkqayi elangeni, waqulunqa iingoma zakhe, eziquka eyamenzela udumo ethi ‘Le Ncwadi’ awayivelisa ngowe-2005, iphuma kwicwecwe lakhe elithi ‘Nguban’Igama’, eyayidlalwa umhla nezolo kwizikhululo zikanomathotholo ezifana noMhlobo Wenene FM, Yfm kuquka nezikhululo zasekuhlaleni.