Intombi kaBongco yenza ezibukwayo kwiScandal!

UTHANDO lokudlala eqongeni olwaqala u-Uphile Bongco eseyintwazana eminyaka emithandathu kuphela, ngoku lubonwa zizigidi ngezigidi zabemi boMzantsi Afrika.

UBongco udlala indawo kaPoloko oyintombi kaMamba kumdlalo kamabonakude iScandal!.

Waqala esikolweni samabanga aphantsi ngethuba isikolo sinomdlalo weqonga obizwa Alice in Wonderland. Ukususela ngoko, wazazi ukuba wenza into ayithandayo.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa, uthi kulo mdlalo weqonga wayedlala indima ephambili.

“Ndikhumbula ndingakwazi ukucacisa ukuba yintoni oko ndandikwenza, kodwa endandikwazi yayikukuba ndenza into endiyithandayo. Ukunxiba umzimba womnye umntu, ndibalise ibali lakhe kwazala uthando lwezobugcisa,” kubalisa uBongco.

Uthi nangona ekhuthazwa kukubona kumagqala emidlalo kamabonakude afana noVatiswa Ndara, uMasasa Mbangeni, uBrenda Ngxoli noMoshidi Motshekgwa – kodwa utsalwa umdla kokwenziwa bubugcisa bokubalisa ibali.

“Okukhona ndifumanisa malunga nobugcisa bokubalisa amabali kunye nemisebenzi yayo – ekukonwabisa, ukufundisa kunye nokuphilisa – kulapho ndaba nomdla ngakumbi wokufunda kabanzi ngeli candelo ukuze nam ndenze oku ngenye imini.”

UBongco, 24, uzalelwe waze wakhulela eGqeberha. Ufunde kwiYunivesithi yaseRhodes nalapho aphume nesidanga seBA in Drama and Psychology kuquka nesidanga seeHonours kwiDrama.

Eli gqiyazana, elikwangumqondisi wemidlalo yeqonga, umbhali kwanemvumi, yintombi kumakhwekhwetha womsasazi woMhlobo Wenene FM uZolani Bongco.

Uthi ukuba notata ongumsasazi kuko okumkhuthaze nangakumbi, kwaze kananjalo kwamenza wafumana inkxaso ekhaya xa efuna ukungena kwicandelo lezobugcisa.

“Utata walandela umsebenzi kwikhondo elibonwa ‘njengelingazinzanga’ kuba usasazo yeyona nto wayenomdla kuyo.

“Ngokuba ke bekuqonda kwaye ekuxabisile ukulandela ikhondo umntu alithandayo, waye walamkela kwaye walixhasa iphupha lam lokuba kwiqonga lobugcisa. Umama wam, ongutitshalakazi, naye uyakukhuthaza kakhulu ukulandela iphupha, ngoko ndizibona njengonethamsanqa ukuba nabazali abanjengabo, ” kutsho uBongco.

Kodwa uBongco, okwaqeqesha ulutsha olunomdla kwimidlalo yeqonga, nolo lusesesikolweni, akafuni kwaziwa njengentombi kaZB ongumsasazi nje kuphela, kodwa ufuna imisebenzi yakhe izithethele.

“Ndifuna umsebenzi wam uzithethele kwaphambi kokuba ndizichaze ndingubani. Ndizama kangangoko ukufihla ifani yam kwiincoko, de ndibe ndiyabhaqwa,” kutsho uBongco ehleka.

Uthi indima yakhe kwiScandal! yeyokuqala kumabonakude, kwaye oko kuyamchulumancisa.

Encokola ngoPoloko amlinganisayo kwiScandal, uthi akuthandayo ngalo mlinganiswa kukuba uzimisele, uzithembile kwaye unentshisakalo.

UBongco uthi kwiminyaka emihlanu ukuya kwelishumi ezayo uzibona ebuyela kokwabo eGqeberha eyokuvula inkampani nestudiyo sokuphuhlisa italente yabatsha.

Ungambukela kwiScandal! rhoqo kwi-e.tv phakathi evekini, okanye umlandele kumakhasi onxibelelwano kwezi ndawo:

Instagram: @upile_uthixo

Twitter: @upile_uthixo

Facebook Page: Upile uThixo Bongco