Kumabonakude wakho kule veki

Muvhango

Uyothuka uNthabeleng xa ebona uNdalamo eKapa. UVusi uza necebo elikrelekrele lokunceda ulutsha olungaphangeliyo.

UNdalamo wenza izicwangciso ezinokudala umsindo kwindlu yobukhosi. UKatlego noBusi bayasokola ukusebenzisana. UMulalo unyanzelisa ukuzalelwa umntwana nguTeboho.

UVusi nabahlobo bakhe bafumana inkxaso engummangaliso kusaziwayo othile. UTeboho unoloyiko lokuba uzakuphulukana noMulalo ukuba akamnini oko akufunayo.

Generations

Ukhathazekile uWandile yindlela akhawuleze waqhubeka ngobomi ngayo uLesedi. UKarabo ufumanisa ukuba ungunobangela wokubhubha kwabantu.

UKobus uzifumana esebunzimeni. UTebogo unebhongo lokwazisa ngomakoti wakwaMoroka. UGadaffi unecebo, ingaba lingasebenza? UTshidi kumele acinge ngokukhawuleza xa uJack egaleleka engamlindelanga.

Uyavutha ngumsindo uNolwazi xa egaleleka kwindlu yosapho lakwaMoroka. UKarabo unoloyiko

Rhythm City

UZinzi uxelela abazali bakhe ukuba uyahamba, kwaye uyakuhlala noSakhile. Endleleni egodukayo uJafta ubethwa ngamadoda amabini.

UZolani umema uReneilwe kumbhiyozo wolutsha. USuffocate ozintyintye ngeenyembezi zikaVitoliya uxelela uSpeshil ukuba ucinga ukuyeka omnye wabafazi bakhe. UDoc uqinisekile ukuba kungekudala uZinzi uzakuyibona impazamo kwiindlela zakhe.

UPuleng uya esangomeni. UFats uyazikhuphana noLihle. UZolani uyavuma ukuba uphandliwe nguReneilwe.

Scandal

ULayla uqhathiwe waze wakholelwa ukuba konke kuhamba kakuhle, ukanti uMangi akanalwazi lokuba angakwingozi engamfaka engcwabeni.

UHector wothusa uLayla ngowenza isoyikiso, ukanti uVermeulen unikwa uxanduva lokwenza okungekho mthethweni. Uchulumancile uStokkies yintlanganiso azakubanayo. ULucas uyalela ilungu losapho ukuba lwenze into eyothusayo nekwayingozi. UMlungisi uva okuthile nokubuhlungu kodwa kuluncedo. Inyani ngelungu lakwaNgema.

Isidingo

UGabriel usindiswa engozini nguBarker. UTyson akafuni kuyiyeka into yokukhangela uKatlego, kwaye kunjalo ufumana iinkcukacha ezibalulekileyo.

Iingxaki zikaLincoln ingathi zibuyile kwakhona ngenxa yeenzame zikaTyson. USechaba ulumkisa uLincoln ukuba uCalvin akuzubuya mva ngokufuna ukwazi ngoShaft 8. UTiffany uxelela uCharlie ukuba ingathi wenze impazamo ngokuthandana noBradley.

UObakeng uvusa iintsiba apho ahamba khona. UBradley unesigqibo ekumele asenze.