Masihleke noManono

yazi amadoda soze uwuqonde umcimbi wawo ukuba uya emva okanye uya phambili. Ndothuke xa kanti kusekho amadoda asaplitayo ngale nyanga kaNovemba.

Boobhuti kaloku xa ungazange ube namntu ngoJanyuwari okanye ngoEpreli awuzumqala ngoku kuNovemba.

Thina ngoNovemba simatasatasa silungiselela ootsiki, imitshato neeBaecations nabantu bethu abasigqula ngoJanyuwari. Wena ke bhuti ufika sewumaxhaphetshu usikhethisa amacephe amadala namatsha ngoNovemba?

Hayi bhuti uwulahlile umxholo. Ongenamntu ngoku makasele eyeka uza kumqala ngoJanyuwari, wena nje khululeka ubethe isiphantsula esitalatweni nokuba unyamalele wabuya ngoJanyuwari akukho mntu uza kubuza. Endingayifuniyo yile yokuba uzokuqala uthando olutsha ngoNovemba.

Ungayenzi lo nto okanye uza kudibana nooManono abaza kungena kwimpokotho yakho bakushiye uphemile. Awusoze udibane nothando lokwenyani ngoku, sixakeke gqitha kanti neemali zethu zifuna ukugcwaliselwa.

Bantase kaloku ukuba besihamba sonke isimokolo unyaka wonke waze wena wawelwa ngumqa wokutyiswa utsiki ngoDisemba, uzungalibali ukuxelela olo sapho lwakho labumini ukuba uza kuyalwa sithi, uthiywe kwasithi igama, kaloku sithi abakwazi ngcono mntasekhaya iskeem sasesimokolweni, kwaye uncede ungasiphakameli, kaloku useza kusidinga ngenye imini xa indoda ikunxibele izihlangu ezinamavili.

Kwaye xa utyiswa la mkhono katsiki uza kucela nathi sisikelwe kwalapho kulo mkhono, kaloku siqinisa le ndlela uza kuyihamba iqine nkqi ukuze ungasicingi nangenye imini. Uzungayenzi nje mntase, sakubona ngawe sele uphuma ngefestile engemva, utsiba ucingo uleqa esimokolweni.

Niyawubona lo mdaniso mtsha ufikileyo? Nditsho le Didimala jive ovele ubone abantu sebesiwa, abanye bayibaxe ke fike bede beqengqeleka, ingathi uza nengozi yebhasi bantase niwulumkele.

Omnye ndimkhabe ngequza ngoMgqibelo ndingena esimokolweni, nanko ezowela phezu kwam, nam nde daxa phantsi, andacaphuka! Ndaphakama ndinjani bantase ukungcola! Kaloku bendinxibe uAll white.

Yhuu! ndajika ngempama enjani nje yona! Emva koko kwalandela iquza ezimpundu, ndagqibe ndazivuthulula ndaphuma ndagoduka, ndaqonda nje andisenamdla wayo kwaloMbamba! Kuseza kuba nzima ngalo Disemba!