Nguwo! Nguwo! ngumtshato kwiScandal!

Umdlalo kamabonakude iScandal! kwi-etv, kule veki uza kuphathela ababukeli balo mdlalo umtshato kaVuvu noNhlamulo (NhlaVuvu), ukuqala ngomhla we14 ukuya kwi16, kule nyanga yothando.

UVuvu kaloku ngumama wabantwana ababini abangamakhwenkwe bakaNhlamulo, nebabekhe bohlukana ngaphambili, ze uNhlamulo watshata isinqandamathe sakhe esitsha uLindiwe.

ULindiwe kulo mdlalo uthe waphulukana nobomi bakhe emva kwengulo athe wafunyaniswa enayo akuba ekhulelwe. ULindiwe wathi wasweleka eshiya usana lwakhe noNhlamulo, uLarona, nesele lukhuliswa nguNhlamulo noVuvu.

Nakuba ke uthando lukaNhlamulo noVuvu beluke lwanamahla ndinyuka, kodwa uNhlamulo uqinisekise ngokucela umtshato kumama wabantwana bakhe ngohlobo olunomahluko, nalapho bekunophephela kwizicwangciso zakhe ekuceleni umtshato kuVuvu, kwinyanga ephelileyo.

Umtshato wesi sibini uzakuqala ngomtshato omhlophe, ngosuku lothando, ze ulandelwe ngumtshato weSepedi. Nanjengoko ke igama lalo mdlalo inguScandal!, nokwenzekayo ngomhla wesi sibini akuzuba kude kwesi sihloko pha naphaya.

Kukho oza kugaleleka nto leyo ezakothusa abathile, kodwa ke awukho umtshato ophela kungekho mntu athi abeyingxaki kwabo bamenyiweyo.

Ukanti umbhali oyintloko kulo mdlalo, uGrace Mahlaba uthe: “Umsebenzi onzima abawenze iinyanga ezintathu uza kuthi uvezwe ngeziqendu zeentsuku ezintathu. Ibe luhambo noko, ekukhangeleni abo baza kudanisa, iingoma, kwakunye nokuza kunxitywa ngabadlali bebonke balo mdlalo ngolu suku.”

Ukwathe ingumdla omkhulu ukwazi ukuba zonke izinxibo zabadlali balo mdlalo, ngaphandle kwelokhwe emhlophe kaVuvu, zenziwe ngaphakathi kulo mdlalo.

Ukanti yona ilokhwe emhlophe kaVuvu yenziwe nguOrapeleng Modutle.

Ungaphoswa ke bubuhle bomtshato kaNhlaVuvu ngosuku lothando kumabodakude wakho, ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe kwi-etv.