Omawukulindele kuZ’bondiwe omtsha!

I-Z’bondiwe iyabuya noSeason 2 kule nyanga izayo kwaye iza nabalinganiswa abatsha abathathu.

Kwisizini yokuqala, sibone amaqela amabini oonqevu evana amandla, iVutha Boys kunye neMambas. Sibone nabathandanayo ababini , uNtando kunye noRoxanne bephakathi kwamadabi aphazamisa uthando lwabo.

Ngelixa inkokeli yeqela leVutha Boys, uKiller, ethe phithi-ncithi nguRoxanne, kwaye kubonakala ukuba angenza nantoni na ukumgcina esecaleni kwakhe, kuquka ukumxhwila nokumtshata.

Sikwabone noNtando ebekela bucala iphupha lakhe lokuba ligqwetha ukuze azibandakanye neqela loonqevu, iMambas, ukuze akwazi ukusindisa isinqandamathe sakhe kuKiller.

Lo mdlalo utsala umdla uqala apho ubuyeke khona xa usiza nesizini entsha ngoLwesibini, umhla we-10 kuCanzibe/Meyi ngo21h35 kwi-e.tv.

UMbulelo Grootboom, uZola Nombona kunye no- Anga Makubalo bayabuya bezokudlala iindima zabo njengoKiller, uRoxanne kunye noNtando.

Kule sizini sibona uNtando kunye noRoxanne bezama ukuvuselela ubudlelwane babo. Abahambi bodwa kule sizini intsha! Sibona ubuso obutsha bukaTango Ncetezo, uCharmaine Mtinta kunye no- Thabang Matlala njengabalinganiswa abatsha.

Vandla-vandla ngeendima zeembuso ezintsha kulo mdlalo,

UNomonde, odlalwa nguTango Ncetezo: Yinkosikazi yesintu kaKiller nayifihlayo. UNomonde unomnqweno wokususa uRoxanne endleleni yakhe nanjengoko emsola ngokwenza uKiller ashiye usapho lwakhe.

UCharmaine Mtinta udlala indima yodade boNomonde, uThembi, nohlala eneengcebiso. UThembi ujonge udade wabo ngexhala, nanjengoko ezibandakanya nemigulukudu, ephela etshata nelungu leVutha Boys.

UThembi ukhe wajamelana nobunzima nakobakhe ubomi, ngethuba eyingqongqo ebethwa ngumyeni wakhe, waze waphela emshiya. Wayenomnqweno wokufumana abantwana, kodwa waphunyelwa zizisu amatyeli aliqela.

Oku kusokola kwakhe inzala kwakhokelela ekubeni avule ikhaya labantwana abangenabani ukuze abanike uhoyo nothando.

Ubuso obutsha kumabonakude uThabang Matlala nozakudlala indawo kaAndile kwiZ’bondiwe, ligatyana elineshumi elinesixhenxe leminyaka ubudala, nelihlala ezilalini nelalifudula lihlala kwelo khaya leembedlenge.

Umninawa kaAndile one-14 leminyaka usahlala kwelo khaya labantwana, kodwa yena uAndile wakruquka waze waqhawula apho.

UZ’bondiwe usendleleni!