UBlack Coffee no-Enhle balizwe ngomntwana

Iyathontelana kumakhasi onxibelelwano imiyalezo yokuvuyisana noDJ Black Coffe nowakwakhe, uEnhle Mbali, emva kokulizwa ngomntwana. Bamamkele kweli lizwe ngentsasa yangomgqibelo kwisibhedle i-Lenox Hill Hospital esithe zukuva kuhle eManhattan kwisixeko saseNew York.

Bazibhengeze ezi ndaba kumakhasi onxibelelwano apho uluntu lulandelise umyalezo emva komnye luvuyisana nabo.

Ukanti babezizaqhaga malunga nesini somntwana , kodwa ke masithembe ukuba yinkwenkwe ukuzalisekisa umnqweno wonyana wabo wokuqala.

UBlack Coffe nowakwakhe bajoyina uluhlu loosaziwayo abasanda kwamkela iintsana kweli abaquka uKabelo Mabalane noGail,

Simphiwe Tshabalala noBokang, Lungile Radu noBobo.

Ukanti ekusalindeleke ukuba balizwe ngomntwana kungekudala ngu-AKA noDJ Zinhle.