UBonga uthatha ikhefu kwimidlalo kamabonakude

SELE ethabathe isigqibo sokuba uthatha ikhefu kwimidlalo kamabonakude uBonga Dlamini ozenzele igama kumdlalo Uzalo noxa isivumelwano sakhe singazange sihlaziywe kwisizini yesibini kulo mdlalo.

UBonga, owayedlala indawo kaMkhonto kulo mdlalo ovezwa kuSABC 1 ngo-8.30 ebusuku ukusuka ngoMvulo ukuya ngoLwesithathu, uthi uzakugxila kwezoshishino ngoku.

Uthe oku kungenxa yokuba akawufumani umsebenzi awunqwenelayo. “Ndiyayeka (okwangoku) kwimidlalo kamabonakude. Ndiza kungena kwezoshishino noxa ndingenakunaba kuba ndisa kuyila oku. Enye into eyenza ndiyeke kukuba sendigqibe iminyaka elishumi kwimidlalo kamabonakude futhi sendifumene amathuba amaninzi.”

“Andiyeki ngenxa yokuba akukho midlalo endiyithandayo kodwa ngenxa yokuba ayikho imidlalo endikhe ndacelwa ukuba ndibe yinxalenye nayo futhi indikhulise njengomdlali. Andifuni ukuba ngumntu oxhentsa ndawoni nye,” kutsho uBonga.

Uthe ukuba ebesekhona kuZalo ubengasokuze athathe kodwa ushishino yinto ebekade efuna ukuyisungula. Uveze ukuba angaqhubeka nokudlala kumabonakude xa engafumana indima ethe qabavu kwakunye nesivumelwano esoluliweyo.

“Abantu bahlala bendibuza ukuba ndibuyela nini kwimidlalo kamabonakude. Andifuni ukuthatha imidlalo emincinane kuba iminyaka ihambile,” kutsho uBonga.

UBonga, ukwathe umkile eThekwini wayokuzinza eGoli. Sele suka kudlala kuRhythm City, Isidingo, Ashes to Ashes, neminye.