UDJ Mello T uphindile kwakho!

DJ Mello T

KWIINYANGA ezimbalwa emva kokuba uThando “DJ Mello T” Mdutyana ekhuphe ingoma ethi ‘Lilo lodwa’ uyabuya kwakho nenye ethi Ray Ray (Qash-Qash).

Le ngoma ethi Lilo lodwa kaMello T, eculwa lilizwi likaPearl Sonjica, iphume ngenyanga kaTshazimpuzi.

Ukanti ngo2019, le DJ ikhuphe ingoma yayo yokuqala ethi “Sebenza” ikunye noLuthando Mzi kumazwi.

Uthi kule ngoma intsha, lo mntu uzibhaqa ekwisimo apho ahleli kunye nabantu abahamba nezithandwa zabo.

“Ngoko ke uzibuza ukuba ingaba siphi esakhe isithandwa. Uneminqweno yokubanesakhe isithandwa, aze aphandleke ngomnye kwaba bantu ahleli nabo, kuba ebona indlela amjonge ngayo, kwanendlela athetha ngayo,” uDJ Mello T encokolela I’solezwe lesiXhosa.

UDJ Mello T uthi kule ngoma usebenze noTulz Native wasePort Alfred kwakunye nelizwi elimnandi letyendyana laseMount Ayliff uOlothando Ndamase.

Le ngoma ibhalwe yaculwa nguNdamase.

Uthi okumtsale umdla kuNdamase, ngaphandle kokuba engowaseMpuma Koloni, yindlela acula ngayo.

“Ndikhe ndamva ecula kwiingoma zeHouse zezinye iiDJs zalapha ephondweni (Eastern Boys – Ukuthand’umntu kunye nekaAkhona Excellent – Umntu Wakho), ndayithanda indlela avakele ngayo kuzo. Okwesibini kukuba ucula ngothando kwaye bendingekabinayo ingoma endiyikhuphileyo ethetha ngothando. Ngaphezu koko yindlela azingca ngayo ngolwimi lwesiXhosa. Loo nto iyavakala emculweni wakhe kwaye usicula ngaphandle kwamagingxigingxi isiXhosa!”

UMello T uthi unezicwangciso zokwenza ividiyo yale ngoma.

“Ngaphaya koko, ndiceba ukukhupha enye ingoma phambi kokuba sifike kuDisemba. Leyo iza kube iyingoma yesithathu endiyikhuphayo kulo nyaka ka2020, ” kudiza uDJ Mello T.

Le ngoma iyafumaneka kuzo zonke iivenkile zomculo kwi-intanethi.

simphiwe.freddie@inl.co.za