UDJ Sbu ubuya nomculo kunye nesiselo!

ABALANDELI bakaDJ S’bu bazakuncuma bakuva ukuba lo somashishini nomsasazi wodumo akawulahlanga umculo.

US’bu, nowaduma kakhulu ngengoma ethi “Le ngoma” awayenza nemvumikazi yaseMpuma Koloni uZahara, udize kwiTimesLive ukuba ubil’ esoma ngalo mzuzu esebenza emculweni. “Umsebenzi wam omtsha kanomathotholo, undinika ithuba lokusebenza kwakhona kwishishini lam. Igama lam ndalakha ngomculo,” utshilo.

Kwinxalenye yokubuya kwakhe unezicwangciso zokukhupha ukracaza wecwecwe ngenyanga yoMsintsi/Septemba.

Usebenze noZahara kwenye yeengoma kwaye ukwasebenzise neemvumi ezifana noSimphiwe Dana. US’bu, kukwavakala ukuba usebenza kwisiselo se-vodka eyeyakhe, ngokunjalo namanzi asebhotileni, nekulindeleke ukuba konke oko akukhuphe ungaphelanga unyaka.

Uthe, “Ivodka ibizwa iLoko Flame. Okwangoku sisakrobisa nje, sigqibile ukusebenza kuhlobo lwayo kwaye ngoku sisebenza kwimo yokwenziwa kwebhotile. Ngokuqinisekileyo izakuphuma ungaphelanga lo nyaka.”