Ufun’ ukusasaza kuMhlobo Wenene?

Ingaba ucinga unaso isakhono sokusasaza kwaye usemtsha? Uyakwazi ukuthetha isiXhosa esisulungekileyo? Ukuba impendulo yakho nguEwe, Umhlobo Wenene FM ukhangela wena.

Esi sikhululo sisasazela eGqeberha sikhangela amagqiyazana amathathu, elinye libe phakathi kweshumi ukuya kwishumi elinesihlanu leminyaka (10-15), aze amabini abe phakathi kwama25 nama40 ubudala.

“Owokuqala uza kungena kwiinkqubo zabantwana. Kufuneka abe phakathi kweminyaka eli10 – 15, abe ngummi waseGqeberha nokwaziyo ukuthetha isiXhosa ngokusulungekileyo.

Owesibini, oza kuba esebenza nomsasazi oza kuqhuba uLelikaYehova iHlabathi neNzaliseko Yalo, abe ligqiyazana elineminyaka eyi25 – 40, iminyaka emibini yamava okusasaza, akwazi ukuthetha isiXhosa ngokusulungekileyo, abe nolwazi ngeenkqubo zeNkonzo yobuKrestu, abe ngumntu okulandelayo okwenzekayo ekuhlaleni, aphinde abe nenani elibonakalayo labalandeli kumakhasi onxibelelwano.

Owesithathu, oza kungena kwiinkqubo zolonwabo, abe ligqiyazana elineminyaka eyi25 – 40, iminyaka emibini yamava okusasaza, akwazi ukuthetha isiXhosa ngokusulungekileyo, abe nolwazi ngeenkqubo zolonwabo, abe ngumntu okulandelayo okwenzekayo ekuhlaleni, aphinde abe nenani elibonakalayo labalandeli kumakhasi onxibelelwano,” kwazisa Umhlobo Wenene FM.

Ukungenela, thumela idemo yakho yemizuzu emithathu ukuya kwemihlanu kuquka neCV yakho ku: demo@uwfm.co.za phambi komhla we4 kweyoMdumba 2022.

Abaphumeleleyo balindelwe sisixa seR150 000, iR100 000 neR50 000 ngokushiyana kwabo.