Umboniso womdaniso kumnyhadala waseRhini!

UPurple Rain ngumdaniso obalisa ibali lentwazana kunye nomfana osisithulu, abazibhaqa beseluthandweni nangona nje behlangabezana neminqantsa ebathintelayo.

Nanjengokuba okuqulethwe yile nkqubo kuchaza imvula isetyenziswe njengesikweko ngenxa yobudlelwane bayo nomhlaba, neza nobomi emva kwembalela.

Le nkqubo yomdaniso, neyinxalenye yenkqubo yeGrahamstown National Arts Festival, ingumzekelo wobuhle, ubumbeje-mbeje, ubukhazi-khazi nomdaniso otsala umdla.

Iqela le-MDG Perfoming Arts Academy yaseBloemfontein, neliquka abadanisi abaphambili, uWarren Randell, nokwangumdanisi nomenzi walo msebenzi uPalesa Moletsane.

Esi sibini sabelana ngamaxesha abuhlungu kunye, bezixuba nomdaniso weqela lonke. Komnye wale midaniso, kanye phakathi kulo mboniso, umtshini womsi uyasetyenziswa okokuqala baze abadanisi batyityimbele isingqi samagubu atsho kabukhali nanjengoko isithatha esiluhlaza sikhazimla kulo msi.

Kwesinye isiqendu, abadanisi badanisa bephethe ii-amburela. Nangona ezinye izinto kulo mboniso zibukeka zintle kwaye zikhazimla, kuye kubenzima xa abadanisi befumana kunzima ukungena nokuphuma kwindawo ababuthelene kuyo nalapho bazogqume ngee-amburela.

Mhlawumbi eyona ndawo inzima ukuyibukela kulo mboniso kulapho uRandell ebonakala engakwazi kusebenzisa ulwimi lwezandla, nalapho achitha ixesha elininzi eyedwa eqongeni, esilwa neminwe yakhe eqinileyo, engasebenziyo.

Emva kwale ndawo, esi sibini sithandanayo sityhalelwa bucala amatyeli amaninzi ngabanye abadanisi, kodwa lo mboniso uphela ngesiquphe kwaye ngokungalindelelanga esi sibini sisezingalweni zomnye.