Umdlalo ongena endaweni kaZabalaza

UDE waziwa umdlalo ozakungena kwindawo kaZabalaza. Kwizitalato zaseLimpopo, kulapho zizakuqala khona izinto ngoMvulo, umhla we-2 kuCanzibe.

Lo mdlalo ungentshatsheli yamanqindi eshiya iLimpopo ukuyokukhangela amathuba okuphuhlisa isakhono sayo eRhawutini.

Lo mdlalo kuqala ububizwa iThe Contender, kodwa waphinda wanikwa igama eliyi Ring of Lies, nalapho sibona uMpho Sebeng (esimbone kwiZ’bondiwe, Zero Tolerance) odlala uNeo, oyintshatsheli yamanqindi nokhangelwa yimanejala eyaziwayo, uMandla (odlalwa nguMasoja Msiza). Abazali bakaNeo bayalikhaba iphupha lakhe lokuba yimbethi-manqindi, ngoko uyabaleka ngobunye ubusuku ukuze alandele iphupha lakhe eRhawutini.

Apha udibana nentombi kaMandla uSli (odlalwa nguDineo Nchabeleng), nabaphela bethandana. Kwakweli bali, sibona unina kaNaledi (odlalwa nguFlorence Masebe) nonembali engekho ntle noMandla, kwaye kubonakala ngathi uneenjongo ezingezinye uMandla kunoko kubonwayo. Konke oku kufaka uNeo kwilizwe leemfihlo, ukubhukuqana kunye nobuxoki. UNeo kunye noKabelo ngabalinganiswa abaphambili kulo mdlalo, kwaye baxhaswa ngabadlali abaziwayo abafana noBaby Cele kunye noTessa Twala.

UBaby udlala indawo yenkosikazi kaMandla, uRuth aze uTessa adlale uGugu. Sikwabona noSlindile Nodangala (uMam’ Ruby Dikobe kwiGenerations) nonguThando, nonamabibi akhe naye. Idlala ngoMvulo ukuya ngoLwesine, ngexesha leZabalaza ngo21h00.