UMiss SA ka2022 angaphuma eSteke

UAYANDA Tloti uzelwe ngomhla we14 kweyeThupha kwiminyaka engama24 eyadlulayo, kwaye ngolu suku kulo nyaka, uza kube efinca iminyaka engama25 walibonayo ilanga.

Ikwayile nyanga inye apho aza kube econdoba phambi kwenginginya, enethemba lokuthwala isithsaba sikaMiss South Africa 2022.

Inkaba yakhe ikwilali yaseMakhetheng eSterkspruit eMpuma Koloni. Oku kumenza azingce ngokubayintombazana yasezilalini.

Akamhlanga nje kuphela, kodwa ukwabonakalisa iimpawu zobunkokheli kwaye ukrelekrele.

UTloti unesidanga seYunivesithi yaseRhawutini (UJ) kwiFine Arts. Sesi sidanga esimenze azivulele iAdnaya Art yeendidi zemizobo yakhe ayenze ngezandla zakhe.

Kule nyanga kaCanzibe, yena neenzwakazi ezimbini zaseMpuma Koloni baye babhengezwa njengabaza kukhuphisana nezinye iinzwakazi kwiTop 30.

Encokolela I’solezwe, uTloti uthi unethemba lokuba itayitile kaMiss SA iza kulala eMpuma Koloni.

“Kwale yokuba ndibe kwiTop 30 ithetha lukhulu kum. Yintoni ke engandivimba ukuba ndingayi phambili? Ndikholelwa ukuba sinako ukuphumelela,” kutsho uTloti.

Uthi sele kukuninzi abakuzuze kuqeqesho lukaMiss SA kususela oko beqalile nalo.

“Sixhotyiswa ngako konke, nokuba ubani akanokuphumelela, kodwa zininzi iimfundiso aza kuphuma nazo.”

UTloti uqale eneminyaka eli13 ukuzibandakanya noonobuhle. Ebehlala ebukela iinkqubo eziliqela zefashoni kumabonakude. Uthi nkqu nomama wakhe behlala ethe ntshoo amehlo wakhe kumabonakude, ezibukelele uMiss SA.

Eli gqiyazana likwakholelwa ukuba lonke inina elinomdla wokungenela uMiss SA lingenza njalo kuba olu khuphiswano lufuna iingcinga ezikrelekrele ngaphezu kwendlela ubani abukeka ngayo.

“Lonke inina elifuna ukuzixhobisa nokuzifundisa lingangenela,” kucebisa uTloti.

Uthi naye ucetyiswe sisihlobo sakhe ukuba angenele.

“Wandibuza ukuba ndingathini ukungangeneli ndakube ndingumntu okhathalela abanye, obeka abanye kuqala, nophucula iimpilo zabo bandingqongileyo.”

UTloti uthanda uBasetsana Khumalo owaba linina lokuqala elintsundu ukuphumelela uMiss SA ngo1994, uthi xa ejonge uKhumalo ubona yena. Uthi wahlala embona rhoqo nanjengoko bengena ecaweni enye.

Le nzwakazi egqame phakathi kwezinye ngeenwele zayo ezimnyama, ezinkulu neziqaqambileyo, isikhumba esintsundu esikhazimlayo, ikwadize ukuba ayingomsebenzi mninzi ukukhathalela isikhumba sayo, unwele nomzimba wayo kuba zezendalo.

UTloti ugqibezele ngokukhumbuza amanina ukuba mawaphakame azimele, azixhobise, azi amalungelo awo.

Xa uvotela uTloti ungangena kwiwebhusaythi kaMiss SA, kwa-www.misssa.co.za uye kuVOTE NOW ukhethe uAyanda Tloti.