UMmabatho usibalisela ngobomi bakhe kwiZaziwa!

WAYEKHE wadllala njengoLumka kumdlalo iGenerations, nanjengesithandwa sikaS’bu kumdlalo iRhythm City, ukanti ebesandul’ ukudlala kumboniso otsale umdla kubathandi bemiboniso bhanya-bhanya, iHappiness is a Four Letter Word.

Wena umazi kangakanani uMmabatho Montsho? Konke ofun’ ukwazi ngale nzwakazi uzakufumana ngoLwesine (2 Juni) kwinkqubo yeSABC 1 uZaziwa (19h30).

UMmabatho uzakube echub’ isikhwebu nombhexeshi kaZaziwa uPearl Modiadie, nalapho azakube emchubela ngokuba ngumlawuli wemiboniso, kwakhona nangohambo lwakhe kubizo lwentwaso.

UMmabatho uzakube ekwaveza nendlela awafunda ngayo ukulawula uxinzelelo lwengqondo (umvandedwa).

Emva kweenyanga zamarhe okuba, eli gqiyazana likubudlelwane bothando nosomlomo we-EFF uMbuyiseni Ndlozi osele edume ngelika “People’s Bae’’, esi sibini sibonwe sikunye.

La marhe aqaqambe ngenyanga yeThupha kophelileyo, kodwa esi sibini sisatye tyum ngobudlelwane baso.

Besikhe sabona imifanekiso kaNdlozi noMmabatho bekunye kutshanje, ingaba uzakusityhilela ngokuqhubeka phakathi kwabo kuZaziwa?