UPabi uzakube egqogqisa iSABC3 abasasazi!

IJELO likamabonakude iSABC 3 libhengeze uPabi Moloi njengomsasazi osesikweni wesizini ezayo yenkqubo yogqogqo lomsasazi

Presenter Search on 3.

 

UMoloi uyaziwa ngekhono lakhe elixandileyo losasazo kumabonakude nakunomathotholo.

 

Akawuvali umlomo yimincili yokubhexesha le nkqubo kwaye akakwazi kulinda ukuze afumane iimbuso ezintsha ezinetalente ezinokuthi gingci kwiinkqubo ezintathu zeSABC3 iExpresso, Afternoon Express neTop Billing.

 

“Ndiyalivuyela eli thuba lokubona amaphupha efezekiswa,” kutsho uPabi.

 

“ISABC 3  ivula eli candela kwaye ndiziva ndinewonga ukuba yinxalenye nolu hambo.”

 

UMoloi owaqala ukusasaza eminyaka ilishumi elinanye (11) ubhexeshe iinkqubo ezifana noStrictly Come Dancing, The Amazing Date, Trending SA nezinye ezininzi

 

Ii-Audition zisendleleni kwaye uPabi ukhuthaza lowo unomdla wosasazo lukamabonakude ukuba aye kwindawo yokuqhubela olu vavanyo aze azibonakalise abhinqe ngako phambi kwabagwebi balo mjikelo.

 

Nazi iindawo eziza kuqhuba nee-audition:

 

EBhayi  kule Cawe ye25 kweyoKwindla eNelson Mandela Bay Stadium.

Ekapa ngoMgqibelo we7 neCawe ye8 eNewlands Rugby Stadium.

EThekwini ngoMgqibelo we14 neCawa ye15 kuTshazimpuzi eDurban Exhibition Centre.

ERhawutini ngoLwesihlanu we20 ne21 kwakunye ne22 kaTshazimpuzi eWanderes Cricket Stadium.